Home Iindaba Kwanele ngoku ingxelo ngePhala-phala mayikhutshwe!!

    Kwanele ngoku ingxelo ngePhala-phala mayikhutshwe!!

    Kwiintsu ezimbalwa ezidlulileyo(9 September 22) amaqela ezopolitiko aphikisayo iATM; UDM; EFF; PAC; COPE; NFP kunye neACDP ebebambe umngcelele ukuya kwiOfisi yoMkhuseli woluntu, ngelinyanzelisa ukuba ikhutshwe ingxelo ngebholo yasePha-phala ejonge kuMongameli weli loMzantsi Afrika uCyril Ramaposa.

    Lamaqela athathe isigqibo edibene ngamxhelo-mnye, ukuba makufakwe uxinzelelo kuleOfisi ngelithi uAdvocate Gcaleka makavele phandle ukuba usebenzela uluntu okanye abathile kwaye akhawulezise akhuphe lengxelo kuze nawo lamaqela ayazi into equlathwe zezimphempa.

    Iinkokheli zamalaqela, uVuyo Zungula(ATM) Julious Malema(EFF) Mzandile Nyontso(PAC) Nqabayomzi Kwankwa(UDM)  ukubalila, bebekhokela ngaphambili kulomngcelele ze bawadlulisa amaxhwebhu ezikhalazo zabo ngeOfisi yoMkhuseli woluntu malunga nomcimbi wengxelo ngePhala-phala.

    Ukanti yona ibhanki enguVimba kweli ime ngelithi ayiphawuli ngemiba yophando lwayo ngemali yangaphandle, kodwa wona amaqela aphikisayo iATM; EFF;UDM ukubalula athi mayikhutshwe lengxelo kungenjalo akulungele ukudilishana noMongameli nasePalamente ukuba akude kubekhonto icacayo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks