Ifumene amanxeba aliqela indoda ngethuba kudutyulwa kwiveni yayo eMonument Crossing eMotherwell eGqeberha ngoLwesine.
Isithethi samapolisa, uKapteni Sandra Janse Van Rensburg, uthi esi sehlo senzeke ngezithuba zentsimbi yeshumi elinanye kusasa.
Uthe amapolisa aseSwartkops aphendule kwingxelo yeveni yeFord Ranger efunyenwe ishiywe inemingxuma yeembumbulu.
UJanse Van Rensburg uthi ngethuba bekwindawo yexhwayelo, umqhubi ufike wabaxelela ukuba ngethuba benqumla, kwafika amadoda amathathu awayephethe imipu adubula.
Uthi le ndoda yaqhuba imoto kodwa yatsiba malunga neemitha ezingama-20 ukusuka kwindawo ekuhlangana kuyo iindlela yaza yabaleka phakathi kwamatyotyombe.
Wayenamanxeba amathathu okudutyulwa waze wasiwa esibhedlele ukuze afumane unyango.
UJanse Van Rensburg uthe isizathu sokudutyulwa asikaziwa kwaye abadubuli basagcwele amathafa

