36.1 C
King William's Town
Sunday, January 26, 2025

Kwiminyaka elishumi elinesibini (12) akukabikho tshutshiso lokubulala inyhikityha yaseMarikana.

Namhlanje sisikhumbuzo seminyaka elishumi elinesibini (12) yenyhikityha yaseMarikana apho amapolisa adubula abasebenzi-mgodi abangamashumi amathathu anesine (34) kumgodi weplatinamu waseLonmin ngaseRustenburg, eMntla Ntshona.

Ubuncinci balishumi (10) abantu abaquka abasebenzi-mgodini, amapolisa kunye noonogada abathi babhubha kwiintsuku ezandulela le ntlekele.

Iziko lamaLungelo eNtlalo noQoqosho (SERI) lithi urhulumente uye wabuyekeza iintsapho zabasebenzi-mgodini abangamashumi amathathu anesihlanu (35) kwabangamashumi amathathu anesixhenxe (37) ababulawa eMarikana kweyeThupha ka-2012 ngenxa yokulahlekelwa yimali. Ithi iintsapho ezimbini azikayifumani imbuyekezo.

Igqwetha leSERI uNomzamo Zondo uthi, “Eyona nto iphoxayo kukuba emva kweminyaka elishumi elinesibini akukabikho tshutshiso kwisiganeko esenzeka ngomhla weshumi elinesithandathu kweyeThupha kwaye kunzima nangakumbi kuba kusezakutshitshiswa kodwa akhonkqubo ibonakalisa lo nto.”

I-NPA isagqibezela uphando. UNjengele Mpembe ekunye namanye amapolisa amane (4) abamangalelwa kuphela ngokubulala abasebenzi-mgodini abathathu (3) ababulawa nge-13
kodwa namapolisa amabini.

ISibanye Stillwater yathatha umsebenzi weLonmin eMarikana ngo-2019.

Abanye abakhi-mkhanyo bavakalise inkxalabo ngokusilela kwenkampani kwinkqubo yokufikelela eluntwini.

UThumeka Magwangqana wombutho wamanina eSinethemba uthi, “Sisahlala ematyotyombeni kodwa bathi bakhela uluntu izindlu, kodwa izindlu abazakhayo ziiflethi ezibhatalwa ngabasebenzi basezimayini, bahlawula irenti kwezo zindlu. Asingabo bonke abasebenzi-mgodini abahlala kwezo zindlu, abanye basahlala kumatyotyombe anezindlu zangasese ezinemingxuma, amanzi, kwaye angenawo nombane.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
36.1 ° C
36.1 °
36.1 °
29 %
4.1kmh
0 %
Sun
35 °
Mon
22 °
Tue
30 °
Wed
37 °
Thu
36 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks