20.5 C
King William's Town
Friday, January 24, 2025

Lemidlalo izakuphinda ithathise ngolwesihlanu ePaarl

Iqalile imidlalo yovavanyo yamaqela amane(4) ombhoxo wehlabathi yamakhwenkwe angaphantsi kweshumi elinesibhozo(U/18) tumente leyo edlalelwa kweli loMzantsi Afrika eKapa neqale ngoMvulo umhla weshumi elinesibini(12) kule imiyo inyanga.

Iqela loMzantsi labo bangaphantsi kweminyaka elishumi elinesubhozo(U/18) bamelwe liqela iSA A nelivule kakuhle kakhulu emva kokuphumelela umdlalo wokuqala(1) nalapho babethe iqela kaseGeorgia ngamanqaku angamashumi amabini kwisithathu samanqaku(20-3).

Iqela loMzantsi belihamba phambili kwisiqingatha sokuqala(1) ngamanqaku amathandathu kwamathathu(6-3) kumabala esikolo samabanga aphakamileyo iStellenberg.

Iqela lomboxo laseIreland livule kakuhle ngokubetha iqela lombhoxo kaseNgilane ngamanqaku angamashumi amane anesibini kunashumi anabini anesibhozo(42-28) emva kokuhamba phambili ngamanqaku angamashumi amabini ananye kwisixhenxe(21-7) ukuya ekhefini.

Umjikelo wesibini(2) uzakudlalwa ngolwesihlanu umhla weshumi elinesithandathu(16) kule yeThupha inyanga kumabala asePaarl Gymnisium, kuzakuqala kudlale umdlalo apho iGeorgea izakuqubisana neNgilane ngecala emva kwentsimbi yokuqala(13h30) emva kwemini kulandele umdlalo woMzantsi neqela lombhoxo laseIreland ngecala emva kwentsimbi tesithathu(15h30) emva kwemini.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.5 ° C
20.5 °
20.5 °
87 %
2.2kmh
79 %
Thu
20 °
Fri
33 °
Sat
35 °
Sun
36 °
Mon
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks