UMasipala wokuhlala waseNgqushwa ebambisene neSebe loPhuhliso lwamaPhandle, noHlaziyo lwezoLimo (DRDAR) namhlanje bandwendwele ilali yaseWesley kumhlaba ongu Farm 252 kwaWard 12 apho baqhube iprojekthi ye Ngqushwa Beef Value Chain Complex (Feedlot).
Isebe uDRDAR licacisile banzi, libonisa imizobo yobume besakhiwo kwiBhunga ngale projekthi.
Kutyikitywe isivumelwano liSebe uDRDAR noMasipala malunga nale projekthi izisa uphuhliso kumafama enkomo zenyama.
Abebezimase lenkqubo kuquka kubo obambeleyo njengosodolophu kumasipala wesithili i-Amathole uMnumzana uPhumaphi, iinkosi zemveli, abafundisi bakwalizwi, isigqeba somaspala waseNgqushwa kunye namafama aquka kuwo uFarmMark kunye neIlizwe Meats Development.
Owenze inteto ephambili uSodolophu oLawulayo kumasipala waseNgqushwa uSanga Siyabulela Maneli uthi olusuku luzawena umahluko omkhulu kumafama aseNgqushwa kuba injongo ephambili kukutshintsha uhlubo uluntu olucinga ngayo ngokuba ngumfama weenkomo ingakumbi eNgqushwa.
UManeli uthi funeka uluntu luyazi ukuba lento yokukhulisa inkomo iminyaka ukuze uyithengise ngexabiso eliqingqiweyo, yinto efanele ukuba yenziwa kwinkonyane hayi kwinkomo epheleleyo.
“Masiyisuse ezingqondweni zethu into yokuvumela abantu ukuba bazosiqhatha ngemfuyo yethu, kuba ubutyebi baseNgqushwa bulele ekufuyeni. Ngeliphulo silenza apha yeyona ndlela esizama ukubonisa ngayo uluntu ukuba lwaseNgqushwa ukuba bangaxhamla lukhulu ngemfuyo yabo, ngendlela efanayo noondlebe zikhanya ilanga”
UManeli uthi uluntu maluvule amahlo luhlale luthe qwa ngoba abantu bathuthela iinkomo zabo kwamanye amaphondo ingakumbi kwelaseFreyistatha nalapho zixhelwa khona zibuye sele zibiza amaxabiso aphezulu kwiivenkile ezinkulu.
