Home Ezoshishino Libhengeziwe igama lomntu omnye obhubhele kwiziko lokuphehla iintsimbi eCoega

    Libhengeziwe igama lomntu omnye obhubhele kwiziko lokuphehla iintsimbi eCoega

    IQumrhu loPhuhliso lweCoega (i-CDC) lithumele uvelwano lwalo kwiintsapho zamadoda mabini asweleke kwiziko elivelisa iintsimbi nakwabo bonzakeleyo.

    Intloko yentengiso yeCoega, uphawu, kunye noNxibelelwano, uGqr Ayanda Vilakazi watsho ukuba isiganeko senzekile kwi-coega steels eZone-6.

    Esithi uphando okwangoku luyaqhubeka, kwaye iziphumo zophando ziya kubonelelwa kamva, utshilo.

    NgoLwesithathu umhla weshumi elinesihlanu (15) kuCanzibe, amapolisa akhuphe igama lomnye umntu oswelekileyo kwisigameko sangoLwesibini, uLizo Njamela oneminyaka engamashumi amane anesibhozo ubudala.

    Kwiphepha lakhe likaFacebook, uNjamela udwelisa ukhankanye umsebenzi wakhe njenge: “(Dishwasher at Agni Steels SA Coega).”

    Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse Van Rensburg uthe ixhoba lesibini ngummi waseNdiya. Esithi igama lomntu oneminyaka engamashumi amathathu anethoba (39) ubudala lithintelwe njengoko amapolisa engenakho ukuqinisekisa iinkcukacha zenkampani kwanolwazi ngosapho lakhe.

    Abanye bababini abasebenza bathe bangeniswa esibhedlele ukufumana unyango nanjengoko benamanxeba okutsha.

    Iinkcukacha ezijikeleze isigameko azikacaci. NgoLwesibini, amapolisa awakwazanga ukuqinisekisa ukuba ngaba kwenzeke uqhushumba kusini na, nanjengoko esisiganeko sichaziwe ngamalungu oluntu.

    UJanse van Rensburg uqinisekisile ukuba idokethi lophando livulwe ukuze kuqhubeke uphando.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks