Home Ezemidlalo Lidudume lagqitha kumdlalo wendebe eGqeberha

    Lidudume lagqitha kumdlalo wendebe eGqeberha

    Bekugoso okwaphukayo kumdlalo wendebe yeNedbank kumandulela kamagqibela kankqoyi kumabala iNelson Mandela Bay eGqeberha, kumdlalo ubuphakathi kweeChili Boyz nezikamagebhula phezolo umhla wesine(04) kulenyanga.

    Ibala belizele limi ngeembambo abalandeli abathandi nabaxhasi balamaqela mabini nalapho ibhaka-bhaka lingakhange liqhelisele usaqala umdlalo kwisiqingatha sokuqala nangona iChippa ikhe yazama ukuhlasela kwakwisiqingatha sokuqala ihleli ingasuki kumhlaba wangasemva weeSea Robbers kodwa ibiyiPirates ebiquqa ibuyelela kwiimpondo zeChippa. Amatikiti athengwe aphela alomdlalo.

    Isiqingatha sokuqala somdlalo siphele ezimnyama ngenkani zihamba phambili ngamanqaku amabini kwiqanda qoks imbanda yesikhova(2-0). Kubuywe kwesesibini(2) isiqingatha umdlalo yabe iiChilli Boyz sele izazi ukuba ifuna ntoni kanye kanye, kuba ibuyele sele ikwazi nayo ukuba inqaku lifakwa njani yaza yalifaka elayo nto leyo ebanike ufuthu wokuhlasela bebheka phambili, kodwa abalazanga elidlalayo yabuya iPirates yongeza izama ukucima umlilo weqela laseMpuma koloni. Nangona kunjalo aqhubekekile amakhwenkwe kaMpengesi ukuzinika ithemba ngethuba ehlasela kanobomu bengayekelanga xakatho kwelinye icala benqanda amanzi engena endlini kumsindokazi ongako wezimnyama ngenkani, kodwa batsho phantsi isitya sigcwele.

    IOrlando Pirates uphele umdlalo iphumelele ibetha iChippa United ngamanqaku amathathu kwelinye(3-1) iiChili Boys zabe zifumene elokubika ekhaya. Ngoku ibhaka-bhaka lizakulinda iqela eliphumeleleyo phakathi kweStellenbosch FC neMamelodi Sundowns mdlalo lowo ozakudlalelwa kumabala iDannie Cravan eKapa namhlanje umhla wesihlanu(05) kule kaCanzibe inyanga ngecawa ezintsukwini.

    Umqeqeshi weChippa uKwanele Kopo ukhwele ezehlela kumqeqeshi wePirates emva komdlalo nothi ebethukisa ebiza amagama angalunganga umdlalo wonke ethuka isitulo seqela lakhe, wancoma usekela mqeqeshi uMandla Ncikazi nobethule yena, noye wayokucela uxolo emva komdlalo. Uthi uKopo ibe sisizathu sokunikwa ikhadi elibomvu lukaEvra Nga phambi nje kokuba kuphele umdlalo.

    UKwanele ukwakhalazele oosompempe kuba esithi bayivile yonke lento nto nje bathi cwaka, uKwanele Kopo ukwakhalazele nokuba oosompempe beli abahoyi umqeqeshi xa engowohlanga eluthile okanye ethetha ulwimi oluthile watsho esithi yonke lento iyafuna ukulungiswa. Umqeqeshi weChipa ulebele ngelithi bona eMzantsi bayayazi intsokolo bakhule behlonipha akazokukwazi ukuthetha awakhe amazwi kuba ufundisiwe. Ukhumbule ukuba umdlali uEvra Nga weChippa nofumene ikhadi elibomvu ebesakudlalela iPirates esuka kwakwiChipa.

    IPirates ngabakhuseli balendebe nabayiphumelela kunyaka ophelileyo bebetha iSekhukhune United, kanti yona iSundowns ziinjinga zeDSTV Premiership, iStellenbosch sona ziinjinga zeCarling Cup kunjalo nje iStellies asikabethwa kwimidlalo engamashumi amabini anesine(24) yagqityelwa ukubethwa ngeyoMsintsi inyanga kunyaka ophelileyo bebethwa kwaleliqela bazakudlala nalo iSundowns.

    By Siphiwo Boqwana

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks