Alihambanga kakuhle kumdlalo wokugqibela kumabala iNelson Mandela Bay izolo iqela leBafana.
Nangona iBafana Bafana eqeqeshwa nguHelman Mkhelele nongusekela mqeqeshi kuHugo Broos bephumelele umdlalo wabo kodwa baphumile kwindebe yeCOSAFA izolo ngoLwesibini umhla wesibini (02) kule inyanga imiyo.
IBafana Bafana ibiyivule letumente ngokubambana neqela leMambas yaseMozambique ngenqaku elinye macala (1-1) emva kokuhamba phambili ngelinye inqaku kwiqanda (1-0) kumabala iNelson Mandela Bay.
Iphinde yadlala omnye umdlalo wesibini idlala neBotswana kumabala iWolfson KwaZakhele eGqeberha nalapho idlale ngokulingana ngeqanda macala (0-0).
Izolo kumabala iNelson Mandela Bay iBafana ikwazile ukuphumelela umdlalo wokugqibela kuLuhlu A ibetha i-Eswatini ngenqaku elinye kwimbande yesikhova (1-0).
Nangona iwuphumelele umdlalo wayo wokugqibela kodwa baphumile kulendebe yeCOSAFA.
UHelman wenze utshintsho labadlali ababini xasijonga umdlalo neBotswana apho kwakuqengqwa amaqanda. U-Ashly Cupido noJaedin Rhodes baqale umdlalo.
UThabang Sibanyoni ufake inqaku ngentloko kwibhola ebisuka kwikona kumzuzu wesihlanu kwisiqingatha sokuqala somdlalo.
Iqela likaMkhelele liphume kabuhlungu lingakhange libethwe emva kokudlala imidlalo emithathu (3) kuLuhlu A, lidlale imidlalo emithathu laze ladlala ntanganye kwimidlalo emibini laphumelela umdlalo wamnye.
By Siphiwo Boqwana
