Home Iindaba Limisiwe ityala lokubulala KwiDyunivesithi iWalter Sisulu ngenxa yokumka kombane.

Limisiwe ityala lokubulala KwiDyunivesithi iWalter Sisulu ngenxa yokumka kombane.

IGosa lale dyunivesithi elityholwa ngokubulala uManelisi Mampane, belilindeleke lifake isicelo sebheyile ngoLwesihlanu.

By Buhle Nomgalasa.

Limisiwe ityala lokubulawa komfana obulewe kuqhankqalazo lwabafundi kwidyunivesithi iWalter Sisulu eMthatha, eMpuma Kapa, ngenxa yokumka kombane enkundleni.

Igosa lale yunivesithi elityholwa ngokubulala uManelisi Mampane, bekulibdeleje lifake isicelo sebheyile ngoLwesihlanu.

Nangona kunjalo, uRhulumente wacela ukuba lihlehliswe.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso kweli phondo uLuxolo Tyali uthe “Besisonyula isicelo sebheyile ukuba siqhubeke namhlanje kodwa ngelishwa ngenxa yokuba akukho mbane kwesi sakhiwo, nto leyo engaphaya kwamandla ethu, ityala lihlehliselwe uLwesibini umhla wesithandathu (6) kuCanzibe ukuze kufakwe isicelo sebheyile.”

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks