By Anita Qubula
Kwisiganeko esenzeke eLusikisiki kulempelaveki siphuma apho kudutyulwe kwabulawa amalungu osapho alishumi elinesixhenxe, kuye kwabhubha ixhoba elinye ebelisindile.
Inkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS) ithi sele kusecicini ukuba ibambe abantu kudubulwano olwenzeke eLusikisiki. Ngentseni yangoMgqibelo abantu abalishumi elinesixhenxe (17) badutyulwe babhubha kumakhaya amabini ohlukeneyo babe bengabomzi omnye kwilali yaseNgobozana eMpuma Koloni.
Amaxhoba kuthiwa zizizalwane nabamelwane ebebelungiselela isiko ebelihlelelwe ukwenziwa kamva kwangalo mini. Inani lababhubhileyo ngoku linyuke laya kutsho kwishumi elinesibhozi (18) njengoko ixhoba lamva nje libhubhele esibhedlele ngeCawe.
Isithethi samapolisa kuzwelonke, uAthlenda Mathe ucacise ngelithi, uyaqinisekisa ukuba amalungu amapolisa aqokelele bonke ubungqina kwindawo yexhwayelo. Kwaye baye benza udliwano-ndlebe namangqina aphambili kunye namalungu oluntu. Ukwathe amapolisa asebenza nzima ekuhlalutyeni lonke ulwazi olukhoyo kwaye balandela wonke umkhondo.
Ukwaqinisekise kuba bayakunqwenela ukubanjwa okuyimfuneko kwakamsinyane. Kwaye abecuphi kunye namaqela asebenza ngophando-nzulu sele eqalile ukusebenza ukusukela oko kwenzekileyo. Ngoko akubekwa mntu ngcinezelo engafanelekanga, kuba akufunwa zimpazamo. Oku kukuphepha ukubanjwa ngokungekho mthethweni.