15.8 C
King William's Town
Wednesday, April 3, 2024

Linyukile inani labantu ababhubhele kwingozi zendlela kweliphondo kule mpela veki

Linyuke laya kutsho kwisithoba nani labantu ababhubhe kwiingozi kwiindlela zaseMpuma Koloni kule mpelaveki. Oku kuza emva kokubhubha kwabantu abahlanu kwingozi emanyumnyezi eyenzeke emva kwemini ngeCawe.

Kwangoko ngeCawe, isebe lezothutho eMpuma Koloni libike ukuba abantu abane babhubhe kwiingozi ezimbini ezahlukeneyo kuhola wendlela uN2 ngaphandle kwaseGqeberha nakwindlela uT12 eMaluti kwindawo yaseKhoapa.

Kwingozi yamva nje, isithethi seli Sebe, u-Unathi Binqose, uthi kubhubhe amadoda amahlanu ephondo loMntla Ntshona ngethuba iVW Polo ingqubana nelori enomntu omnye kwindlela ephakathi kweDyuki (Ugie) neKhowa (Elliot).

Uthe umqhubi weloli uphume engenawo nomkrwelo kulengozi.

“Iimeko ezijikeleze unobangela wale ngozi azikaziwa okwangoku.

“Ityala lokubulala ngokungenhloso livuliwe kwisikhululo samapolisa aseUgie ukuze kuphandwe ngakumbi,” wongeze watsho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.8 ° C
15.8 °
15.8 °
90 %
2.1kmh
100 %
Wed
16 °
Thu
34 °
Fri
18 °
Sat
13 °
Sun
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks