Owayesakuba ligqwetha laseGqeberha ekutyholwa ngokurhobha umhlolokazi nabantwana bakhe unikwe ibheyile ye-R50 000 kwinkundla kamantyi ngoLwesihlanu.
UShaun Masimla, 51, utyholwa ngokuba imali engaphaya kwamakhulu amathandathu eerandi (R600 000) kumhlolokazi awayemmele kwiBango leNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela ngo2018.
Wakhutshwa kuluhlu lwamagqwetha ngo-2021 ngenxa yelinye ityala elahlukileyo, kodwa elifanayo.
Ngokwephepha lamatyala umyeni kaSindiwe Mdutyana, uZingisa, wabhubha kwingozi yemoto ngomhla wokuqala kweyeKhala ngo2010, ze ngo2014 wamisela uMasimla ukuba ammele kwibango leRAF.
NgoJanuwari 2018, iRAF yahlawula imali engaphaya kwe-R657 000 kwiakhawunti yetrasti kaMasimla, kodwa kutyholwa ukuba uhlawule kuphela iR80 000 kummangali.
NgoMeyi waloo nyaka, kwakusele kuphela ama-R660 emali yeRAF kwiakhawunti.
Ngo-2021, iLegal Practice Council’s Fidelity Fund yabuyisela uMdutyana isixa-mali esingama-R540 000 ngelahleko.
Ummeli wombuso uThinus de Jager, obechasa ukuba uMasimla akhululwe ngebheyile, uxelele inkundla ukuba ubengaphandle ngebheyile isithuba esingangenyanga kwityala elilindelekileyo likaShedyuli 5, nalapho kutyholwa ukuba elona tyala lisandula ukwenziwa.
Isicelo sebheyile sangoLwesihlanu sigwetywe njengetyala likaShedyuli 6. .
UDe Jager ukwathe uMasimla uqhelene namangqina, uphando lugqityiwe, kwaye urhulumente unetyala eliqatha ngakuye.
Ufunde ingxelo efungelweyo yegosa lophando, uSajini Siviwe Lucwaba kwingxelo yasenkundleni, nothe uMasimla wayesaziwa kakhulu kwiCandelo loPhando loBugebenga (DPCI).
NgokukaLucwaba, uMasimla ulandele le “modus operandi” njengakwimeko yangaphambili.
Igqwetha likaMasimla, uDanie Gouws, uxelele inkundla ukuba umxhasi wakhe akayongozi yokubaleka, akanabungozi eluntwini, akananjongo yokuphazamisana namangqina ombuso, kwaye uzimisele ukubonisa ubumsulwa bakhe ngethuba kuthethwa ityala.
UGouws uthe umxhasi wakhe ongaphangeliyo wayengoyena mntu unyamekela uTata wakhe olele ebhedini ngenxa yoMhlaza, akanampahla kwelinye ilizwe kwaye akanawo namaxwebhu okundwendwela.
Ujonga imisebenzi engaqhelekanga ayenzayo ukuxhasa usapho lwakhe “njengeentsikelelo.”
Ukhuselo lwaphinda lwaqaqambisa “iimeko zokuphila ezimbi” kwiziko loLuleko laseSt. Albans.
NgokukaGouws, ukuvalela uMasimla eSt. Albans kungabeka ukhuseleko lwakhe emngciphekweni nanjengoko ebekade emele amabanjwa amaninzi kwimiba enxulumene nemigulukudu.
UMantyi uDumisani Apollos uthe ulawulo olululo lobulungisa kufuneka lulinganise phakathi kwezinto ezinomdla womtyholwa kunye nezoluntu.
Ukwathe njengegqwetha lalowo wenza ibango, uMasimla ubekwe kwindawo yokuthenjwa.
Njengenxalenye yemiqathango yebheyile yakhe, uMasimla kufuneka aye kwisikhululo samapolisa eAlgoa Park rhoqo ngoMvulo nangoLwesihlanu.
Ityala lihlehliselwe umhla wesine kweyoMnga.