Ayabonga Ntengu
Ityala labantu abalishumi abatyholwa ngokubulala unogada weYunivesithi yaseFort Hare (UFH) uMboneli Vesele kunye nomphathi weezithuthi kuleyunivesithi, uPetrus Roets, liqalisile kwiNkundla ePhakamileyo yaseBhisho, eMpuma Koloni kusasa ngoLwesibini umhla wesibhozo kweyeDwarha 2024.
UVesele wadutyulwa wabhubha ngaphandle kwendawo ehlala iSekela-Ngqonyela uNjingalwazi Sakhela Buhlungu kweyoMqungu kunyaka ophelileyo, logama uRoets wabulawa kwisichotho seembumbulu ekhayeni lakhe ngoMeyi ka2022.
Intloko yophando kwiyunivesithi, u-Isaac Plaatjies, uphakathi kwabatyholwa abalishumi ngokubulala.
Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso ephondweni uLuxolo Tyali uthi urhulumente ukulungele ukutshutshisa.
UTyali uthi, “Ityala elijongene nabalishumi abatyholwa ngokugebenga ezenzeke kwiYunivesithi yaseFort Hare lizakuvela enkundleni. Njengorhulumente sikulungele ukuqhubela phambili nokutshutshisa, kodwa ngenxa yokuba lo mba uvela okokuqala kwinkundla ephakamileyo, kufuneka kuqhutywe inkqubo yaphambi kokuxoxwa nawo wonke obandakanyekayo kweli tyala, urhulumente kunye nabamangalelwa balungele ukuqhubeka.”