Uthi ligqiba iminyaka emibini (2yrs) namhlanje ityala lakhe lokungonjwa ngoku ngenalusini owayesebenzela u-Ambassador Smuts Ngonyama nowakwakhe Japan.
U-Thandiswa Tokwe wase Mdantsane eMpuma Koloni owayesakuba ngumncedisi kwiKhaya likaSmuts Ngonyama nowakwakhe uNokwazi othyolwa ngokubetha ngenjongo zokonzakalisa lo kaTokwe. UTokwe uthi indlela ekwenzeka ngayo ngetyala lakhe imenza abenomrhano wenyawo lwesithathu eliqinisekisa ukungahambeli kweli tyala phambili ngenxa yesikhundla nefuthe lezopolitiko labakwaNgonyama.
