Ibagxothile abadlali abalishumi elinesithandathu iChippa United.
Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni nelizinze eGqeberha iChippa United idilize abadlali abalishumi elinesithandathu (16) kulungiselelwa isizini ezayo nezakuqala ngenyanga yeThupha kulonyaka ka2024.
IiChilli Boys azikhange zifane nezinye isizini apho zazisoloko zilwelwa ukuba zingafumani izembe. Kule iphelileyo isizini kubengcono kubafana baseMpuma Kapa. Emva kokufika kwabafana ababini (2) abaye bancedisana ukuqeqesha eliqela uThabo September noKopo, liye lenza ngcono nangona ekugqibeleni baye bayekelela umxakakatho.
Abanye abadlali abakhululwe yiChippa nguKamohelo Mahlatsi noLuvuyo Memela. IChippa ibikhe yanethuba elihle lokugqiba isizini ikuluhlu lamaqela asibhozo (8) kwiDSTV Premiership kodwa baye bagqiba bekwindawo yeshumi elinesibini (12).
Naba abanye babadlali abanikwe uphumaphele ziiChilli Boys, nguAzola Ntsapo, uSphelele Luthuli, uSenzo Nkwanyana, uAndile Fukude, uSiseko Manona, uDarren Johnson, uLloydt Kazapua, uSiyabonga Nhlapho, uSenzo Nkwanyana, uMenzi Ndwandwe, uDiego Appolis, uAndile Mbenyane, uRescoe Pitersen, uKhanyisile Mayo, noYuriq Conwood.
UGoodman Mosele yena ubuyela kwiOrlando Pirates naye uMalebogo Modise ubuyela kwiqela lakhe iMamelodi Sundowns njengoko bebebolekisiwe kweliqela.
Esisibhengezo sivela emva kokuba eliqela lityikitye abadlali abatsha nabazakuthi babhengezwe kungentsuku zatywala.
By Siphiwo Boqwana
