20.2 C
King William's Town
Friday, January 24, 2025

Liyaqhuba ucweyo lemvuselelo ye OR Tambo DDM eSavoy eMthatha

Umasipala wesithili saseOR Tambo ukusuku lokuQala lweentsuku ezimbini zocweyo lwemvuselelo ye-O. R. Tambo District Development Model (DDM) oluqhubekayo sithetha nje, kwihotele yokusingatha iingqungquthela eSavoy, eMthatha.

Injongo yolu cweyo kukwabelana ngengcinga yoPhuhliso lweSithili nendlela ephunyezwe ngayo kwisithil, Ukuvavanya iinkqubo ezikhoyo zolungelelwaniso kunye nendlela ekufuneka zimiswe ngayo ukuze kuqiniswe ingcamango yeDDM, Ukuphucula inkcubeko yocwangciso njengenxalenye yeNkqubo yoPhuhliso lweSithili nokufaka imodeli kwiinkqubo zohlahlo lwabiwo-mali.


Ukanti phakathi kwezinye zezinto kukuphakamisa iinkqubo eziphambili, izinto eziphambili kunye neeprojekthi ezichongiweyo ukuba ziqhutywe phantsi kokhuseleko lwesicwangciso sophuhliso lwesithili, Ukwamkela uhlengahlengiso lwemigaqo yowiso-mthetho njengezixhobo zokukhokela inkqubo yeDDM, Ukucacisa indima edlalwa ngamacandelo ngamacandelo kwaye le ndibano yocweyo ikwanceda ekwabelaneni ngolwazi namanye amaphondo ngeyona modeli ibalaseleyo yeDDM.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
99 %
1.2kmh
46 %
Fri
20 °
Sat
35 °
Sun
35 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks