IPolisa elineminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) ubudala kwirenki yeConstable lizakuvela phambi kwenkundla kamantyi waseKhowa ngomhla weshumi kweyoMqungu 2025 emva kokubanjwa kwalo ngamalungu e-Anti Corruption Unit ngomhla wesibhozo (08) kweyoMqungu 2025 ngezityholo zobuqhophololo.
Kutyholwa ukuba eli gosa, njengepolisa eliphandayo lajulelwa ukuphanda ityala lokonakalisa impahla (MI2P) ngo-2023. Kukwatyholwa ngokuba lafuna imali engamakhulu amathathu eerandi kumrhanelwa wetyala ukuze abuyisele ummangali wetyala malunga nelahleko yakhe yempahla. Endaweni yokuhlawula ummangali, umcuphi kuthiwa wasebenzisa le mali ukuze axhamle yena.
Ummangali uthe akubona ukuba akukho nkqubela phambili kweli tyala, wagqiba kwelokuba makangene kwisimangalo apho kwadizwa ukuba imali yahlawulwa kumphandi kodwa zange ifike kwixhoba. Lo mba uye waxelwa kwiCandelo loPhando loRhwaphilizo ukuze liphononongwe, kungoko wabanjwa ngomhla wesibhozo (08) kweyoMqungu 2025.
Umrhanelwa uzakuvela okokuqala phambi kweNkundla kaMantyi yaseKhowa ngomhla weshumi (10) kweyoMqungu ngo-2025.
UMkomishinala weSithili uMajor General Rudolph Adolph uzigxeke kabukhali izenzo zorhwaphilizo ezenziwa ngamapolisa njengoko zibeka esichengeni isidima sombutho. Uphinde wathi ukubanjwa kukaConstable kuzakuthumela isilumkiso kwabo bazakuba ngabenzi bobuqhophololo.
