Home Iindaba LUBHUBHELE ENDLINI NGUMLILO USAPHO LWASE-MISSIONVALE

    LUBHUBHELE ENDLINI NGUMLILO USAPHO LWASE-MISSIONVALE

    Amapolisa avule uphando kulandela ukubhubha kwabantu abahlanu kumlilo otshise ikhaya losapho ngentseni yanamhlanje, 28/08.

    Amapolisa avule uphando kulandela ukubhubha kwabantu abahlanu kumlilo otshise ikhaya losapho ngentseni yanamhlanje, 28/08.

    Kutyholwa ukuba malunga nemizuzu engamashumi amathathu emveni kwentsimbi yeshumi elinesibini (00:30) ezinzulwini zobusuku, i-SAPS eAlgoa Park iye yaphendula kwisikhalazo sendlu etshayo kwisitrato iJack, eMissionvale.

    Ekufikeni kwawo, indlu ibivutha. Emva kokuba lo mlilo ucinyiwe, kuye kwafunyanwa imizimba yabantu abadala ababini nabantwana abathathu.

    Unobangela womlilo awukaziwa okwangoku, kodwa uphando luyaqhubeka. Akukho ntlonti ikrokrelekayo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks