Umasipala wasePort St Johns uthi ukufika kooSekela baPhathiswa ababini kutyelelo lokubeka iliso kunye nokongamela kwiSibhedlele seSithili saseBambisana, bekunye namanye amasebe karhulumente, bamkelwe ngezandla ezishushu nguSodolophu waloMasipala, uNomvuzo Mlombile-Cingo.
LoMaspala uthi ubukho bukaSekela Mphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli kunye noSekela Mphathiswa wezeMpilo kwiSibhedlele seSithili saseBambisana bubethelele ukubaluleka kotyelelo lokujonga nokubeka iliso kwinkqubela phambili yolwakhiwo lwesi sibhedlele.
Ukanti kolutyelelo, uSekela Mphathiswa, uNksz Pinky Kekana uye wafumana ithuba lokucacisa injongo yobukho babo, egxininisa ukuba injongo kukuqinisekisa ukuba bonke abahlali baseBambisana bayaxhamla kumaziko aphuculweyo neenkonzo ezibonelelwa sesi sibhedlele. Ukwaqaqambise ukuba ufuna uluntu luxhamle nakwezengqesho.
Olu tyelelo alubonisanga nje ukuzibophelela kukarhulumente ekuphuculeni iziseko zoncedo lwezempilo kunye neenkonzo kulo mmandla, kodwa likwaqinisekise ukubaluleka kokubekwa kweliso okuqhubekekayo nokongamela ukuqinisekisa ukuba iimfuno zoluntu lwasekuhlaleni ziyahlangatyezwa ngokufanelekileyo.
Kusenjalo, uMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uNkosikazi Nomakhosazana Meth ubonakalise imeko yokunikezelwa kwenkonzo yezempilo echaza izibonelelo ezinikezelwe lisebe kuluntu needolophu zephondo leMpuma Koloni ngelixa eqaqambisa iinjongo zesebe lekamva ekuphuculeni ubomi nempilo yabahlali kwiphondo liphela.
USekela mphathiswa wezempilo, uGqirha Sibongiseni Dhlomo unike ingcaciso kwimiba eyahlukeneyo ephathelele kwimpilo yabantu kwilizwe liphela kunye nenjongo yabo yokugqibela ukuba, kukuqinisekisa ukuba bonke abemi boMzantsi Afrika bayalifumana ilungelo labo elisisiseko elinelungelo leenkonzo zempilo ngelixa iSithili sase OR Tambo senze umbulelo.



