Lawo ngamazwi ebephuma kubahlali, iinkokheli zasekuhlaleni kuquka noonyawontle abebevutha ngumsindo, kuqhankqalazo obelubanjwelwe kwiiOfisi zoMaspala waseAmathole.
Bebephume ngobuninzi abantu namhlanje, ingabefundisi; amaqela ezopolitiko ohlukeneyo kuquka namaqela angenanto yakhwenza noRhulumente alwela amalungelo oluntu. Oku kusemva kokuba kwintsuku ezimbalwa ezidlulileyo kutyhuthye umboniso kumakhasi ezonxibelelwano apho bekubonakala uCllr Nenziwe Rulashe etshalwa ngamadoda abezibiza ukuba angonogada, betyhola ngelithi bayalelwe nguManejala waseAmathole. Oko ke kuye kwavuselela umnyele kubemi boMzantsi Afrika ingakumbi kwiPhondo leMpuma Koloni nanjengoko namhlanje bekubanjwe oluqhakqalazo nobelufuna ubulungisa benziwe ngokubeka phantsi iintambo kukaMnu Mtyimba.
Oluqhankqalazo nobeluququzelelwa ngamanina weANC, kukhokela uMphatshiswa Siphokazi Lusiithi ekunye namanye amalungu ePalamente yaseMpuma Kapa afana noMnu Ngcukayithobi nonzinzi. Kukhutshwe uxwebhu lezikhalazo ehamba nezinyanzeliso sokuba uSodolophu waloMaspala nesigqeba sakhe mabathathe amanyathelo kwakunye nesigqibo ngabatyholwa kuquka noMnu Mnyimba notyholwa ngokubanesandla kwesisiganeko.
Ngethuba uSodolophu esamkela oluxwebhu lwezikhalazo, uthe uyaxolisa kakhulu ngokwenzekileyo kwaye kwintsuku ezilishumi elinanye (14 days) uzakubuya neempendulo ezinesigqibo. Ukwathe uzakuyihoya lento kwaye enze unako nako ukuqinisekisa ukuba okubhaliweyo kwi Memorandum uyakuhoya.
Ngethuba sinodliwano ndlebe noMnu Monwabisi Mohadi olwela amalungelo abantu, ufunge ngelithi abazukuyiyeka tu lenyewe kwaye bayayazi nokuba omnye wabatyholwa ufihlwe kwindlu yasebuRhulumenteni kwiOfisi kaSodolophu nekuxokwa ngelithi unqunyanyisiwe kodwa oko kungenjalo.
