Home Iindaba Luqale ngengxoxo eshushu usuku lwesithathu le-ICT Summit

    Luqale ngengxoxo eshushu usuku lwesithathu le-ICT Summit

    Usuku lwesithathu lwengqungquthela ye-ICT Summit e-Monti luqale ngentetho ejonge emva kwiingxoxo zosuku oludlulileyo, ebezigxile kutshintsho olukhawulezayo e-Afrika olungena kwixesha lobuchwepheshe balemihla kwakunye nobukrelekrele bokwenziwa i-Ai ngesingesi.

    Izithethi ebekuquka kuzo uGqirha Andile Ngcaba zithe ilizwekazi i-Afrika lingena kwinqanaba elitsha apho ubukrelekrele bokwenziwa, oomatshini abancediswa yi-AI, kunye nentshukumo entsha yezenzululwazi kunye nophuhliso ziguqula indlela amazwe akhula ngayo, evula amathuba amatsha kwicandelo loqoqosho kwakunye notshintsho oluchaphazela indlela eqhelekileyo yobomi.

    Ukanti usuku lwanamhlanje luqale ngengxoxo-ntetho ejolise kushishino lwezomiboniso bhanya lwaseMzantsi Afrika (South African Film Industry) kunye nendima yalo kuqoqosho kwelixesha lenguqu entsha ye-Digital Economy. Eli qonga beliquka abamele i-ECDC ,Amaziko namacandelo abatyali mali (Investor Community), kunye nomdlali weqonga uZikhona Sodlaka.

    Iengxoxo ibijolise ekuhlalutyeni ukwakhiwa  impumelelo kwelicandelo kwakunye nokunokwenziwa ukulungisa izikhewu zezolo apho ibingabathile kuphela abathi baxhamle kwincidi yobusi beziqhamo zomsebenzi wesininzi.

    Ukufika kwamaziko amatsha afana  ne-Netflix, Showmax nezinye kuye kwaguqula indlela iziqhamo zemveliso ze Films,  okwenziwa ngayo, nto leyo ekhokelele kwizikhewu ezintsha, imingeni emitsha, kunye nokungalingani okufuna izisombululo ezicwangcisiweyo nezinzulu.

    Ukanti ngalomzuzu uSekela Mphathiswa wezonxibelelwano nobugcisa uMondli Gungubele uqhuba intetho esesikweni examining lika Rhulumente kaZwelonke egxininisa ukuba u-Mzantsi Afrika mawuthabathe amanyathelo angqingqwa ukuqinisekisa ukuba kulungiswa ze kuphuculwe iindlela neenkqubo zokusebenza nokugada ulwabiwo kwezemali kuyeke ukubandakanya nokufunyanwa ngabathile koko kusebenzele u wonke.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks