Kuvulwe amatyala okubulala nokungakhathali/ukohluleka ukukhusela umpu kwisikhululo samapolisa eKwaaiman emva kokudutyulwa kwabulawa inkwenkwana eneminyaka esixhenxe(7) ubudala ngumzala wayo oneminyaka esibhozo(8) esebenzisa umpu ogunyazisiweyo kayise kwilali yaseNothintwa,kwisithili sase Ngcwanguba,eKwaaiman phantsi kwedolophu yaseMqanduli ngoLwesine umhla wesibini(2) kweyeDwarha malunga nentsimbi yeshumi elinesibini emini maqanda.
Inkwenkwana eneminyaka esibhozo(8)iwufumene umpu kwigumbi lokulala likatata wayo wawukhomba kumzala wakhe okufutshane kwaza kwavuleleka imbumbulu ngoko nangoko, wabulala umfi.Le nkwenkwana eneminyaka esibhozo(8)ivulelwe ityala lokubulala ngelixa utata oneminyaka engamashumi amane anesibhozo(48) ebekwe ityala lokohluleka ukukhusela umpu.
Lotata ukhululwe ngesilumkiso kwaye uzakuvela kwinkundla kamantyi yase Mqanduli ngolwesihlanu umhla wesithathu kweyeDwarha 2025,ngetyala lokubeka umpu kwindawo engafanelekanga ngelixa inkwenkwa eneminyaka esibhozo(8) ithunyelwe koonontlalontle.