Amapolisa aseNgqushwa aphanda amatyala amabini okubulala, emva kokudutyulwa kwabulawa amadoda amabini(2) kwindlu ethile kwaPeddie ngalentsasa yanamhlanje.
Ngokwengxelo yenkonzo yesipolisa, kuvakala ukuba ngoMgqibelo umhla we(29 January 2022) malunga nentsimbi yesihlanu ekuseni(05:20am) amapolisa abizelwe kwisikhalazo sokudutyulwa kwabantu kwindlu ethile nekwilokishi yakwaPower ePeddie. Amapolisa afike kwindawo yexhwayelo kukho amadoda amabini enamanxeba aliqela okudutyulwa nathe abhengezwa njengababhubhileyo.
Ababantu babhubhileyo baqinisekiswe yinkonzo yesipolisa njengoLukho Nkomonde (29) noMthetheleli De Booi (31).
Nawuphi na umntu onokuthi ancedise amapolisa ngolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa uyabongozwa ukuba atsalele umnxeba kwinombolo yokulinda yePeddie Detectives (Serious Violent Crimes) ku-082 301 9713. Olu lwazi lungakwabelwana ngalo ngamxhelo mnye ngeCrime Stop ku-08600 10111
