Luyanda Moyeni oyinzalelwane yaseNgqushwa sithetha nje ungumgqatswa we Build One South Africa i-BOSA, litshantliziyo lophuhliso loluntu. Ngexesha lomzabalazo wabafundi kwi ngingqi ye Border region, uMoyeni wathath’inxaxheba ezibandakanya namanye amatshiziyo afana noBafo Ngqunge, Mazizi Dlamini, Oscar Mhlauli, Thabani Goje, Veliswa Mlomzale phakathi kwabanye.
Ngonyaka ka 1992 uMoyeni wayephakathi kwabo babekwi phandle lase Ciskei (Ngeloxesha), besilwela ukutshatyalaliswa kwentlawulo ezikolweni (School fees) kwakunye nokuhlawulelwa kokubhalwa kweemviwe. Baphinda bakhokela idabi le voter education ngo 1993 nalapho kwakungavunywa ukuba kuqaliswe ukufundiswa kwabantu ukuvota. Balwa besithi abazokulinda iKomiti yolonyulo ezimeleyo i-IEC ibaxelele ukuba aqale nini ukufundisa uluntu.
Ukanti uke wangomnye waba sasazi kwizikhululo zasekihlaleni, esibokubalula Ngqushwa FM ne Sunshine FM.
Uzibalule kakhulu kwezombangazwe, ekhokela amaqonga abantu abatsha kwi ngingqi ye Border region kwi ngingqana yase Ngqushwa(COSAS, ANCYL,) Ebeyinxalenye yabancedisi ukuqala ko rhulumente we zekhaya (municility) nje ngonozaku-zaku. Uphinde watyunjwa njenomongameli wombutho webhola ekhatywayo kwelaseNgqushwa, engumpondo zihlanjiwe kwezamangqindi kudidi lwabangahlawulwayo kwi ngingqi.
Ukanti uMoyeni kungoku nje uzibandakanye neqela lezopolitiko IBOSA. Uthi N “ngenxa yokuba imeko yelizwe ngakumbi kwi ntswelo ngqesho, nokuwa kwezoqoqosho. Lonto indenze ndazibona ndingenakuthula cwaka. Andiqali ukuba ndizibandakanye nezopolitiko, nangonyaka ka 2009 bendiyinxalenye wabathi makangabekwa njengo mongameli owayesakuba nguMongameli kweli uJacob Zuma kuba ebengathembakali.”
Ntlandlolo uMoyeni wakhe wabangomnye wabo basungula umbutho we COPE, nangona wakhawuleza wazikwebula kwakuqala ingxaki zokulwa kwenkoli kweli qela lezopolitiko.
Kudliwano-ndlebe lwethu no Moyeni uthi kumebi be lilizwe nephondo le ngqwele kwanele. “Masiphakameni siphungule amandla olawulo kweligongqongqo libulala ikamva lelilizwe. Wonke umntu makaphakame adlale indima ukusindisa ikamva labantwana bethu.”
