Isikhululo sasekuhlaleni iKumkani fm, ibibambe ukhuphiswano lonobuhle eReeston kwiholo yoluntu ngoMgqibelo lo sisuka kuye eMonti.
Eliphulo iKumani fm ithi ilenzela ukukhuthaza abantu abatsha ngeendlela zokuziphatha kwanokulwela ikamva eliqaqambileyo. Ibizintombi ezingaphaya kwamashumi amabini anesine(24) nabafana abathandathu(6) abathe bathatha inxaxheba kolukhuphiswano. Elinani libaluliweyo lelabo bathe bakhethwa phakathi kwamakhulu-khulu abo baye bafaka izicelo zabo kuba befuna ukungelela.
Abathathi nxaxheba bebesuka kwiindawo ezikude ezifana noMtata, Stutterheim ukubalula. UMr & Mrs Kumkani fm liqonga lobunkokheli labasetyhini namatyendyana abasebatsha abanamabhongo baseMpuma Koloni. Baye ke bazincame ngokusebenzisa inkqubo yokhuphiswano, apho bakhuphisanayo bafumane noqeqesho kwizakhono abanazo kunye nobomi. Abo bathi ke baphumelele, baye banikwe nexesha lokuphefumla embokweni kwiKumkani fm ukubakhuthaza nangezakhono sokuthetha esidlangalaleni.
Ukuba ububukele ngethuba onobuhle baseKumkani fm beqhuba, ubuyakuncoma kwaye woneliseke nakumdla wokubona abantwana abangenele olukhuphiswano behlukile. Kuthethi sisithi bebohlukile? Kaloku ayiqhekekanga into yokubona abantu abangenela onobuhle bengalingani ngemizimba nditsho nesithomo. Olu ukhuphiswano belwahlukile kwaye luvuselela ukuzithemba ebantwaneni.
Abaphumeleleyo kolukhuphiswano ngaba balandelayo.
Akanya Stawuti
21 years (Mr Kumkani FM)
Emihle Beje 19 years (Miss Kumkani FM)
Lesego Moloko (1st Prince) 24 years
Siyambuka Zono Ntsasa (1st Princess) 20 years
Zukisa Mnyamezeli 19 years (2nd Prince)
Princess Aphile Sithole 21 years (2nd Princess)
UEmihle Beje ekunye noAkhanya Siwati bazakubangoonoza-kuzaku beKumkani fm, nanjengoko ingabo intshatsheli zolukhuphiswano. Bachongwe kuba kubonwe izakhono zobunkokeli ezicingayo, ubuchule bomsebenzi wokukhuthaza abanye abantu abatsha ukuba bafezekise isakhono sabo, baqonde ukuzithemba kwabo kwaye bafumane indawo yabo kwihlabathi.
