IBHODI YOTYWALA YASEMPUMA KOLONI ICELA ULWAZI OLUPHANGALELEYO OLUMAYELANA NOKUQINISEKISA IZITYHOLO ZOKUBA ABANINI BASE-ENYOBENI BENZA AMANYE AMASHISHINI OTYWALA.
Ibhodi yotywala eMpuma Koloni(ECLB) iziqaphele ngenkxalabo izityholo zokuba abanini nabangabaphathi baseNyobeni, uVuyokazi Ndevu kunye noSiyakhangela Ndevu, basebenza kwezinye iindawo ezithengisa utywala phantsi koMasipala waseBuffalo City.
Lebhodi inqwenela ukucacisa mhlophe ingxelo yokuba, emva kokujongisisa inkqubo yayo yokukhutshwa kweelayisenisi, akukho phepha-mvume lokuthengisa utywala ngoku elibhalisiweyo phantsi kwamagama esisibini saseEnyobeni. Inkqubo yokunikezelwa kwamaphepha-mvume ibonakalisa i-Enyobeni Tavern njengekuphela kwe(Tarven) eyanikwa imvume yokuthengisa utywala elanikezelwa ngokusemthethweni kubanikazi.
Abahlali bayabongozwa ukuba banikeze ingxelo ethe vetshe kwiBhodi elawulayo kwezotywala malunga neenkcukacha zeendawo ekutyholwa ukuba esisibini sithengisa utywala ukuze kwenziwe uphando kubonwe ubunyani bezityholo.
Apho izityholo zifunyaniswe ngokuqinisekileyo ziyakuthathelwa amanyathelo. Iinkcukacha zeendawo ekutyholwa ukuba ziyabandakanyeka ezinjenge ndawo ezithengisa utywala ngokungekho mthethweni kunye nalo naluphi na olunye ulwazi oluya kunceda kuphando.
Ngaphaya koko, iBhodi(ECLB) inqwenela ukuwakhaba amabango okuba i-Enyobeni Tavern isebenze ngoku konke konke kwaye ibhodi iqinisekisa uluntu ukuba i-Enyobeni Tavern isavaliwe kwaye ayisayi kusebenza de kugqitywe uphando olufunekayo.
Nangona kunjalo, uluntu lukrokrela ukuba iEnyobeni Tavern iyasebenza okanye abanikazi bayo basebenzela ezinye iindawo ezithengisa utywala kwenye indawo, kufuneka baxele ngokukhawuleza kwiECLB ngenombolo yayo yasimahla ethi 080 000 0420 OKANYE bathumele umyalezo kuWhatsApp. ku-076 403 6223.
Ibhodi ye(ECLB) ihleli isentlungwini ngenxa yesiganeko esibi saseEnyobeni Tavern kwaye izakuthatha amanyathelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukuba abanini bayo bayohlwaywa.
2/2
Isohlwayo esiyimfuneko, kwaye nasiphi na isiganeko esinobungakanani obufanayo siyathintelwa ukuba singaphinde senzeke kwiphondo lethu.
