Iingxelo zidiza ukuba abantu abasokola ngokwezimali bayakwazi ukufaka isicelo sesondlo kubantakwabo abazizityebi.
Ingcali yezomthetho uLucia Bugana uthe esi sibonelelo asisitsha, besisoloko siyinxalenye yomthetho wesondlo, kodwa uluntu ngokubanzi aluzange luwuthathele ingqalelo loo mthetho.
Nangona kuqhelekile ukuba abazali balindeleke ukuba bondle abantwana, umthetho uvumela ukuba abantakwabo ngegazi bafake isicelo omnye komnye.
Ukanti igunya bantu lezotshutshiso lithe inkqubo yesondlo idlula abazali nabantwana kuphela. Ikwaquka inkxaso-mali kwiimfuno ezisisiseko ezifana nokutya, indawo yokuhlala, impahla yokunxiba, iindleko zonyango phakathi kwezinye izinto.
