Home Iindaba Ngabantu abahlanu(5) ababhubhe ngoko-nangoko kwingozi emasikizi eyenzeke kwindlela yaseAliwal North

    Ngabantu abahlanu(5) ababhubhe ngoko-nangoko kwingozi emasikizi eyenzeke kwindlela yaseAliwal North

    Ngabantu abahlanu(5) ababhubhileyo ngelixa inganadoda amabini(2) onzakele kakhulu emva kokuba iimoto ezimbini zithe zangqubaba ngeentloko, kumgama ongange(30 KM) ukusuka e-Aliwal North ukuya eJamestown.

    Lengozi yenzeke malunga necala emva kwentsimbi yethoba(09H30) kuhola wendlela uN6 e-Aliwal North kude kufuphi eFlaukraal. Ibisisithuthi sohlobo lwe (Isuzu double cab) ebinabakhweli abangamadoda amabini kunye nabasetyhini abathathu(3) besuka eQueenstown besingise e-Aliwal North ngelixa ilori encinci nebinamadoda amabini asuka e-Aliwal North, zithe zangqubana ngentloko.

    Bonke abo bahlanu(5) nababekhwele kwi-Isuzu ingamadoda amabini kunye nabasetyhini abathathu babhubhele kwindawo yexhwayelo ngelixa ababini ababekhwele kwi(Nissan UD Truck) bebambekile kwaye bonzakele kakhulu.

    Baye ke basiwa kwisibhedlele sase-Aliwal North ukuze bafumane uncedo oluthe kratya.

    Iimeko ezingqonge unobangela wengozi azikaziwa okwangoku nanjengoko indawo yexhwayelo kusafuneka kuphandwe ngayo ngabasemagunyeni abohlukeneyo. Ityala lokubulala ngokungenanjongo liza kuvulwa e-Aliwal North Saps kuphando oluthe kratya.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks