Home Iindaba Ngama-250 abantu abaqeshwe kwaMakro, eMonti.

    Ngama-250 abantu abaqeshwe kwaMakro, eMonti.

    Ivenkile yakwaMakro namhlanje izivule ngokusesikweni iingcango zayo, isamkela abathengi.

    Umfanekiso: Ivenkile entsha yakwaMakro eGonubie, eMonti.

    By Siphiwo Boqwana.

    Izolo umhla wamashumi amabini anesibini (22) kwinyanga kaTshazimpuzi 2025 ivenkile eyona yakhe yankulu eMzantsi Afrika uMakro ebethetha nonondaba kulevenkile ikwindawo yaseGonubie apha eMonti kuMasipala oMbaxa i-Buffalo City ngethuba esenza amalungiselelo okuvula umzi wentengiso yezinto ezohlukeneyo nezifana notywala, ukutya, izixhobo zalemihla zonxibelelwano, impahla njalo njalo ngethuba kubanjwe lenkomfa yokwazisa oonondaba ngamalungiselelo okuvula namhlanje umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kule imiyo inyanga.

    Lo galel’ ebhayini wevenkile enkulu uthengisa zonke iintlobo-ntlobo zezinto ezithengiswa kwiivenkile ezohlukeneyo nto leyo enokwenza ukuba ibizwe njengevenkile eyingqokelela yazo zonke izinto eziyimfuneko kubathengi ngokohlukana kwazo. UMakro unethuba elihle lokufumana inxaso engagungqiyo kubathengi nanjengoko umthengi ekwazi ukufumana yonke into ayifunayo kwivenkile enye.

    Umfanekiso: Ivenkile entsha yakwaMakro eGonubie, eMonti.

    UMakro uvakalise ukuba bakwazile ukuliqula baligangathe belungiselela lemini inkulu yamaxabiso aphantsi nalapho benethemba lokuba abantu baye ngobuninzi begxalathelana ukuza kuzithaphulela kwizisulu ezizakube zibonakala ngathi ziyaphisa.

    Le venkile ingenantanga ngobukhulu nangendlela eqhuba ngayo nanjengoko kuthengiswa izinto ezohlukeneyo nezinto ezininzi, inika abantu ukuba nabo baziqalele awabo amashishini asakhasayo ngokuba babe ngomathenga-thengisa abaphumizandla.

    Ngethuba sibabuza abaphathi balevenkile ngendlela nangamanani abathe bakwazi ukuwanika ingqesho ukuncedisa ekususeni ikati eziko, baye bavakalisa ukuba bamalunga namakhulu amabini anamashumi amahlanu (250) abantu baseMonti abathe bafumana amatorho kulevenkile.

    Umfanekiso: Ivenkile entsha yakwaMakro eGonubie, eMonti.

    Abanye abantu abafumene umsebenzi ngabaze nemibutho yabo njengabo banobuchwephesha bokulungisa ivenkile ukuba ibukeleke ime ngendlela kunjalo nje ikwazi ukujongeka (mechandisers).

    Le venkile ikwasebenzisa nokuthengiselwa ngokwezo nxibelelwano ngokwa la maxesha xa bezakube benikwa ithuba kokuthenga nange-App yakwaMakro abathengi, benikwa ithuba lokukwazi ukuthenga bengekho maxawambi bezakuziselwa emakhaya kungenjalo bafike bazoku zithathela.

    Xa besijonga siboniswa sikwanikwa nethuba lokuzibuzela sibone indlela abazilungiselele ngayo. Bakwavakalise nento yokuba basebenzisene norhulumente we-Buffalo City nongumasipala ombaxa kwakunye nabezomthetho kwicandelo lokhuseleko ukulungiselela ukuba kubekwe ucwangco khonukuze kungabikho ziganeko zihlasimlisa umzimba koluvulo lezisulu.

    Ivenkile sele ivulile ngenja ixukuxa ngentsimbi yesixhenxe (07h00) kusasa. Abasebenzi bebekuqeqesho ngokwengxelo esiyifumene kubalawuli balevenkile iinyanga ezimbini (2). Bakhuthaziwe abathengi ukuba bazincede ngokusebenzisa le-App yalevenkile ngamandla nanjengoko bekulindeleke ugxalathelwano.

    USekela Mongameli wethutyana kwaMakro, u-Duval van Rhyn, uvakalise ukuba yivenkile kaMakro yamashumi amabini anesithathu (23) ukuvulwa lena ise-Gonubie eMonti nevulwe namhlanje watsho esithi bebevula ngentsimbi yesixhenxe kusasa, bavale ukutshona kwelanga ngentsimbi yesithandathu (18h00).

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks