20.6 C
King William's Town
Wednesday, October 1, 2025

Ngamandulela kamagqibela kankqoyi wendebe yokuqala yesizini namhlanje eNtshona Koloni

Namhlanje iOrlando Pirates iyaqhuba nokukhusela isitsaba sayo seMTN8 namhlanje ngentsimbi yesixhenxe(19h00) ebusuku xa izakube iqubisane neCape Town City kumabala aseakapa kwiNtshona Koloni.

IPirates namhlanje indwendwele iCape Town City eDHL eNtshona Koloni kumlenze wokuqala(1) kwimilenze emibini(2) olandelayo uzakudlalelwa eSoweto kulobhakabhaka.

Ezimnyama ngenkani nje emva kokuqoqosha iPriliminary round yokuqala(1) yeCaf Champions ligi ngethuba beqoshelisa iqela elizinjinga zaseMadagascar iDiciples ngamanqaku amane eqandeni(4-0) kumabala iOrlando kwiintsuku ezine(4) ezidlulikeyo kodwa ngoku bajonge kulendebe yasekhaya.

UThabiso Monyana, uGilberto no Migiel Timm bakhona ngoku kunjalo nje bakulungele ukudlala, uTimm noMonyana bona basuka kumonzakalo.

Abadlali abayingozi kwiPirates nguMonnapule Saleng oyingozi kakhulu nodlala ngokuzimisela, kwiCape Town City ngJaedin Rhodes odlala esiswini njengomdlali oyingozi ohlaselayo.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
62 %
6.4kmh
100 %
Wed
19 °
Thu
14 °
Fri
18 °
Sat
34 °
Sun
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks