Home Iindaba Ngokwengxelo yobalo lonyaka ka-2022

    Ngokwengxelo yobalo lonyaka ka-2022

    Ngokwengxelo yobalo lonyaka ka-2022, inani labantu baseMpuma Koloni linyuke nje ngaphezulu kwe-10%.

    INkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane, ifumene le ngxelo kwiBambela leNgcali-manani-Jikelele, uYandiswa Mpetsheni, ngoLwesine umhla we 19 October 2023.

    Le ngxelo iqaphele ukukhula nge-10.2% kubemi baseMpuma Koloni, ukusuka kwi-6.5 yezigidi ngo-2011 ukuya kwi-7.2 yezigidi ngo-2022.

    INkulumbuso ithe ezi nkcukacha zibonisa ukuba iPhondo leMpuma Koloni liphondo lesine elinabantu abaninzi elizweni, lisuka kwindawo yesithathu kubalo oludlulileyo.

    “Uluntu oluntsundu luthe gqolo ukongamela abemi beli phondo ku-85.6%, kulandele abebala (Colored) ngo-7.6%, abamhlophe (Whites) baku-5.6%, amaNdiya nama-Asiya agalele i-0.5%,” uthethe watsho uMabuyane.

    Wongeze ukuba kubalulekile ukuqaphela ukuba i-56.1% yabantwana abaneminyaka eyi-0-4 bayafikelela kwiNkqubo yoPhuhliso lwaBantwana kwaye baxelwe ukuba baya kuMaziko e-Educare kulo lonke iphondo.

    “Kubantu ababudala buphakathi kweminyaka emi-5 ukuya kwengama-24 abahamba isikolo nabo babonise ukunyuka okumangalisayo nge-4.8% ukusuka kwi-72.5% ukuya kuma-77.3% ngo-2022.

    Oku kubonisa inkqubela entle njengoko eli phondo liyitshintsha indlela ebalisa ngayo xa kuthethwa ngemfundo kwaye libonakalisa ukuzinikela ekuboneleleni ngotyalo-mali oluzinzileyo kwezemfundo”.

    UMabuyane ukwathe ingxelo yobalo bantu ibonise ukuba “i-49.5% yamakhaya inamanzi aphuma kwimibhobho ngaphakathi kwizindlu zokuhlala, logama i-17.6% yemizi inemibhobho yamanzi ngaphakathi eziyadini ze i-13.4% ifumana amanzi ngaphandle kweeyadi.

    INkulumbuso ithe i-58.7% yamakhaya anezindlu zangasese ezigungxulwayo, inyuka isuka ku-43% kuBalo-bantu luka-2011, kwakunye ne-53.9% yamakhaya eMpuma Koloni aye asuswa inkunkuma kanye ngeveki.

    Le ngxelo ikwaqaphele ukuba ngaphezulu kwesiqingatha semizi yaseMpuma Koloni, okanye umyinge wama-51.9%, ikhokelwa ngabasetyhini.

    Iinkcukacha-manani zabemi baseMpuma Koloni ngokwesithili:

    I OR Tambo ime ku- 1,501 702
    Umasipala ombaxa weNelson Mandela Bay – 1,1 90 496
    Umasipala ombaxa waseBuffalo City – 975 255
    Alfred Nzo– 936 462
    Isithili saseAmathole– 871 601
    Isithili saseChris Hani. 828 387
    ISithili saseSarah Baartman– 533 253
    ISithili saseJoe Gqabi– 393 048

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks