ULukhanyo Papane, intombi eminyaka engamashumi amabini anesibini (22) ubudala, ephuma eLibode kwindawo yaseMjobeni, ufumene ithuba lokuba ngomnye wabasasazi bejelo lezosasazo loMzantsi Afrika. Oku kwenzeke ngomhla wesibini (02) kule nyanga kaTshazimpunzi 2024.
Le ntwazana ithe kumakhasi ayo ezonxibelelwano na njengoko ebesoloko esazi ukuba e-SABC kulapho afuna kuya khona, kodwa ebengayazi ukuba izokwenzeka kwamsinyane, watsho ebulela kuThixo nakookhokho bakhe ngomvulela indlela.
ULukhanyo ngumntwana wesihlanu kubantwana abathandathu kowabo, eLibode, apho wenza onke amabanga akhe aphakamileyo kwisikolo esiphakamileyo iNyanga, eNgcobo. Emveni kokuphumelela ibanga lakhe leshumi elinesibini (12) waya kuqala isikolo kwiDyunivesithi I-Nelson Mandela, eGqeberha, eyokufundela izifundo zoBugcisa kwi-Media, ezoNxibelelwano kunye neNkcubeko. Kulo unyaka ka-2024, uLukhanyo uzakuthweswa isidanga sakhe sesibini seWonga kwizifundo ze-Media, kwaye intombi isajonge ukuqhubekela phambili ngezifundo zayo.
ULukhanyo uthe umdla wakhe wokufunda iindaba waqala esesesikolweni samabanga aphakamileyo kwaye wayenqwenela ukuba yintatheli. Kwaye ino eyamkhuthazayo ukuthanda lo msebenzi kungenxa yeziganeko akhule zisenzeka elalini yakhe.
“Ndiyakholelwa ukuba umdla wam wokufunda iindaba waqala kwisikolo samabanga aphakamileyo; ekuqaleni, ndandinqwenela ukuba yintatheli nje. Oku kungenxa yeziganeko ezimanyumnyezi ezenzeke kwiilali zethu kodwa zange zixelwe okanye zibhengezwe ngamajelo eendaba kuba kungekho mntu uthetha ngazo”, utshilo uLukhanyo.
“Ndikhule ndixhatshazwa ke kumabanga am aphantsi esikolweni ngenxa yokuba nelizwi elikhulu elifanele amadoda. Lo nto yenza ukuba ndisoloko ndicinga ukuba ilizwi lam libi, kodwa ndithe ndokufika kwisikolo samabanga aphakamileyo, apho uninzi lwabafundi okwesihlandlo sokuqala bendincoma ngokuba nelizwi elimnandi, ndaqala ndadlamka ndazingca ngalo. Ndaqala ukufumana ukunconywa ukuba ilizwi lam linokuba mnandi kunomathotholo”.
ULukhanyo ngoku ingqondo yakhe uyigcina ngokuyilolonga ngokuthi afunde iincwadi zesiXhosa. Uthi omnye wabantu abamenza azingce kwaye alithande ngakumbi ulwimi lwesiXhosa nguSphamandla Gwinta ongumsebenzi wase-SABC.
“Ndiyayithanda indlela awaliguqula ngalo ibali lesiXhosa njengolwimi oluqhelekileyo lwayinto emnandi ngenene neyonwabisayo ukuyimamela”, watsho uLukhanyo.
Eyona nto iyimbalasane kulomsebenzi wokuba yintatheli kuLukhanyo, kukusebenzela iMpuma Kapa TV njengentatheli yeendaba, ngaphandle ke kwale yase-SABC. Kwaye ukusebenza njengentloko yeSebe lezeNdaba kunomathotholo weDyunivesithi i-Nelson Mandela kuye kwane ndima ekuphuculeni esi sakhono.
ULukhanyo uthe xa ethetha nentatheli yeliPhepha-ndaba i-EC Indaba, abona bantu bebesoloko bengabaxhasi bakhe abakhulu lusapho lwakhe kunye nezihlobo zakhe ezisoloko zikhona ebomini bakhe.
ULukhanyo xa ekhuthaza abo basafuna ukulandela olukhondo lobuntatheli uthe, “Unokwenza yonke into ozimisele ukuyenza. Ubuntatheli bufuna umntu ongonqeniyo; nokuba usafunda, kufuneka ube phaya phandle, useke uphawu lwakho, kwaye uvumele uphawu lwakho luthethe ngawe, kwaye ngokungathandabuzekiyo uya kuphumelela.”
Eli thuba libonisa ukuba wonke umntu unamandla okufikelela kumaphupha akhe-kungakhathaliseki imvelaphi yakhe. Ekuphela kwento ekufuneka siyenze kukukholwa nokusebenza nzima.
By Siyakholwa Vuso.
