Home Iindaba OoKhetshe eKapa babambe umrhanelwa otyholwa ngokurhweba ngabantu, kwanabanye abantu abane ngokuba kweli...

OoKhetshe eKapa babambe umrhanelwa otyholwa ngokurhweba ngabantu, kwanabanye abantu abane ngokuba kweli lizwe ngokungekho mthethweni.

Iqela lolawulo lezixhobo ezikhuselweyo kwezoqoqosho kunye namagosa emicimbi yezasekhaya aye athontelana kwindlu eseKraaifontein ngoLwesithathu.

By Nontando Ntsevu

Iqela lolawulo lezixhobo ezikhuselweyo kwezoqoqosho kunye namagosa emicimbi yezasekhaya aye athontelana kwindlu eseKraaifontein ngoLwesithathu.

Isithethi sooKhetshe uW/O Zinzi Hani uthi oku kubanjwa kulandela ukubhaqwa kwexhoba ebelithutyeleziswa lisuka eNigeria ebutsheni balo nyaka.

“Ukubanjwa kwakhe kuphuma kuphando olwaqala ekuqaleni kwalo nyaka, nalapho kwafunyaniswa ukuba umrhanelwa warhweba ixhoba eNigeria ngenjongo zokuxhaphaza ngokwesondo,” utshilo uHani.

“Uphando lwangaphambili kunye nodliwano-ndlebe olwenziwa ngoonontlalontle bafumanise ukuba amaxhoba amane anokuba ngamaxhoba okurhweba ngabantu ngokungekho mthethweni kodwa akukho mthethweni eMzantsi Afrika.” UZinzi uthi aba bane babanjwe babekwa ityala lokwaphula umthetho i-Immigration Act.

Umtyholwa ngokuba ngumrhwebi, uzakuvela kwinkundla kamantyi eKuilsriver ngoLwesihlanu ngezityholo zokurhweba ngabantu ngokungekho mthethweni kunye nokwaphula umthetho iImmigration Act.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks