Home Iindaba Oonqevu baseMonti baphange ivenkile yoBucwebe bexhobile.

Oonqevu baseMonti baphange ivenkile yoBucwebe bexhobile.

Amapolisa aphanda ityala lokuphangwa kweshishini, ukuphanga ngemipu kunye netyala lokuzama ukubulala izihlandlo ezimbini emva kokuphangwa kuxhotyiwe kwevenkile yoBucwebe, eVincent Park ngentsasa yayizolo.

By Asipile Kitchen.

Amapolisa aphanda ityala lokuphangwa kweshishini, ukuphanga ngemipu kunye netyala lokuzama ukubulala izihlandlo ezimbini emva kokuphangwa kuxhotyiwe kwevenkile yoBucwebe, eVincent Park ngentsasa yayizolo.

Iingxelo zokuqala zibonisa ukuba abarhanelwa babaleke nemisesane neewotshi kunye nezinye.

Kutyholwa ngelithi malunga nethoba (9) labarhanelwa abangamadoda ebenxibe imaski neeglavu bangene kule venkile ngenkani. Aba barhanelwa banyanzelisa abaqeshwa abane ukuba balale phantsi ngezisu. Umphathi wevenkile ukwazile ukucofa iqhosha lokubiza uncedo, into ebangele ukuqhuma komsi kwivenkile iyonke. Abarhanelwa abakhange baphazamiseke ngulomqhumo baye baqhubeka besophula ishelufu zobucwebe ukuze bazokuba ubucwebe ne-wotshi.

Kukwatyholwa ngelithi ngelixa bephuma koludederhu lwevenkile, bakhombe unogada ngompu bamphanga owakhe umpu oyi-9mm obenembumbulu ezilishumi elinesibhozo.

Abarhanelwa bangene kwi-VW Jetta sedan emhlophe ne-Toyota Corolla ebezimise kumgangatho osezantsi nabanye abarhanelwa. Ngelixa bephuma ngokungxama kule ndawo yokuthenga, akhange bakwazi ukuvula i-Boom Gate. Baye babona isithuthi sonogada basidubula. Ngethamsanqa, umqhubi uye wazifihla, imbumbulu yamphosa, yabetha ibhonethi nefestile yangaphambili yesisithuthi sonogada.

Kuvakala ukuba abarhanelwa bakwazile ukukhawuleza babalekele ngase-Cambridge. Baye bamdubula omnye unogada obeleqisa emva kwabo.

Akukhomntu wonzakeleyo ngexesha kusenzeka esi siganeko, kwaye ityala lokuphangwa kweshishini, ukuphanga ngompu nelokuzama ukubulala izihlandlo ezimbini zibhalisiwe. Idokhethi lizodluliselwa kwi-Provincial Serious Crime Investigation Unit apho kuzokwenziwa khona uphando oluthe kratya.

Amapolisa abhenele nakuye nakubani na onolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa aqhagamshelane no-SAPS Crime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane kuye.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks