27.6 C
King William's Town
Thursday, February 13, 2025

Oosgedlemba baphelelwa lixesha kwiindlela zaseBCM

Umasipala ombaxa waseBuffalo City ukhuphe isilumkiso esiqatha kubaqhubi bemoto ngelithi azizukunyanyezelwa tuu iimoto ezinobungozi nezingekho mngangathweni ezindleleni zabo njengoMaspala weBCM.

Umasipala uthi, uqhuba ngeliphulo nemisebenzi emininzi equka ukuvalwa kwendlela apho kuzakuqhuma uvavanyo lwezithuthi esidlangalaleni.

Ukusukela ekuqaleni kwalo nyaka ka2022 kude kube ngumhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeThupha, malunga nenani eliy658 lezithuthi eziye zanqunyanyiswa ezindleleni. Ukunqunyanyiswa kwezithuthi kukwakhatshwa kukhutshwa kwesohlwayo kunye nokubanjwa kwazo apho kukho iziqinisekiso okanye imvume yokubabamba.

Umasipala ke wande ngamalungiselelo okuba nezikhululo ezibini zovavanyo lwezithuthi ezizihambelayo ezifakelwe ubuxhaka-xhaka balemihla kuquka naleyo ikwaziyo ukuqinisekisa namacwecwe amanami(number plates) eemoto.

Isithethi somasipala ombaxa uSamkelo Ngwenya uchaze ngelithi, isithuthi esingekho mangathweni sifana twatse neebhombu elinde ukudubula naninina ngenxa yobungozi baso. “Ezo zithuthi zibeka ubomi babantu nabaqhubi emngciphekweni kwaye zinokuba neziphumo ezibi xa zingasebenzi kakuhle kuhola wendlela.”

“Siza kuqinisa ukusebenza kwethu kwaye sisebenzisana ne-BCM Traffic and Law Enforcement, amapolisa kunye nePhondo. Sijolise kuzo zonke izithuthi ezisendleleni hai ezithile”

Ingxelo: Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
27.6 ° C
27.6 °
27.6 °
46 %
5.1kmh
56 %
Thu
26 °
Fri
28 °
Sat
29 °
Sun
32 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks