By Asipile Kitchen.
INdoda enamashumi amabini anesibini (22), uAyanda Nombebe, osuka kwilali yaseKhalankomo eMpuma Kapa uvele phambi kweNkundla kaMantyi eAtteridgeville eTshwane phezu kwetyala lokuphangwa kwesithuthi esithutha imali eshiye kubhubhe abarhanelwa abasithandathu (6).
Isithethi seGunya Bantu lezoTshutshiso eRhawutini (NPA) uLumka Mahanjana uthe uNombebe uvele enkundleni ngoLwesithathu apho ajongene namatyala aquka elokubulala asithandathu, ukuba nemipu angenampepha izihlandlo ezintlanu, ukuzama ukubulala amapolisa omthetho kabini, iyelenqe lokuzama ukubamba inkunzi imoto ethutha imali nokuba nemoto ekurhaneleka ukuba ibiwe.
La matyala asusela kwisiganeko esenzeke ngoMvulo, kweyoMdumba 24, 2025 eLaudium.
“Amapolisa afumene ingcebiso ngezicwangciso zokuphangwa kwemoto ethutha imali e-Attlyn Mall e-Atteridgeville. Ukulandela le ngcebiso, amapolisa afikile e-Attlyn Mall aphawula imoto ezimbini ekuthiwa bezi zokubandakanyeka koku kuphangwa baqalisa bazilandela njengoko bezisingise e-Laudium.”
“Amapolisa aye azama ukuzimisa ezimoto kodwa abarhanelwa abavuma ukuthobela oko. Endaweni yalonto babalekise iimoto nalapho baqalise khona ukudubula izithuthi zamapolisa. Emva kokuba beqhube iimitha ezimbalwa, ezi zithuthi ziye zamisa kwaphuma abarhanelwa abasixhenxe (7) kuzo. Emva koko, udubulwano phakathi kwabarhanelwa namapolisa noluye lwaneziphumo zokusweleka kwabarhanelwa abasithandathu luye lwalandela,” ucacise watsho.
UMahanjana uthi ngoku kusaqhubeka oludutyulwano, uNombebe ubalekele kwindlu ekufutshane, nalapho aye wafunyanwa khona wabanjwa.
Uphando lokuqala luveze ukuba enye (1) kwezi zithuthi ezisetyenziswe ekuzameni ukuphanga zazixelwe njengezibiweyo e-Clayville.
Okwangoku, lo mba umiselwe umhla wesihlanu (5) kweyoKwindla, 2025.
