Home Iindaba Owayesakuba lilungu lebhodi ye-SAA, uYakhe Kwinana, ubuyele eNkundleni.

Owayesakuba lilungu lebhodi ye-SAA, uYakhe Kwinana, ubuyele eNkundleni.

Owayesakuba liLungu leBhodi yeNqwelo-Moya yoMzantsi Afrika, uYakhe Kwinana, ubuyele kwinkundla kamantyi waseMonti, eyofaka isicelo sebheyile.

Umfanekiso: Owayesakuba liLungu leBhodi yakwa-SAA, uYakhe Kwinana.

By Nontando Ntsevu.

Owayesakuba liLungu leBhodi yeNqwelo-Moya yoMzantsi Afrika, uYakhe Kwinana, ubuyele kwinkundla kamantyi waseMonti, eyofaka isicelo sebheyile.

Isicelo sihlehliselwe uMvulo, emva kokuba urhulumente ecele ixesha lokumchaza.

Urhulumente kulindeleke ukuba uyichase ibheyile. Kodwa igqwetha likaKwinana lixoxa ngelithi ukugcina umxhasi wakhe eluvalelweni kuya kubangela “umkhethe nokwenzakala ngakumbi.”

UKwinana ubanjwe eRhawutini kwiveki ephelileyo ngezityholo zobuqhetseba, ubusela, ukonakaliswa kwempahla, kunye nokukhomba ngompu. Oku kunxulumene nezinto ezenziwe eMonti.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks