Ukubanjwa kowayesakuba lipolisa ngezityholo zobuqhophololo kwamkelwe ngezandla ezishushu ngabahlali baseMiddleburg, eMpumalanga.
Kutyholwa ukuba umrhanelwa oneminyaka engamashumi amahlanu (50) ubudala waaqhatha uluntu lwaseMiddleburg ngonyaka ka-2024, ezenza umcuphi weNkonzo zesiPolisa zoMzantsi Afrika emva koko wacela ukunyotywa ngemali ngelithi uzakuncedisa ababerhanelwa ngeloxesha ekufumaneni izicelo zebheyile eziyimpumelelo. Kwisiganeko esahlukileyo, ebezenza igosa lezendlela, ethembisa ukuba uza kubetha imirhumo. Lo mrhanelwa usebenzise amagama ohlukileyo xa wayeqhatha abantu, kwaye iziganeko ezininzi zaxelwa emapoliseni.
Wabanga imali eqikelelwa kumashumi amabini amawaka (R20 000) ngeenkonzo zakhe kumaxhoba kwaye wakhetha ukuba imali ifakwe kwimarike yemali.
Amatyala amahlanu (5) orhwaphilizo aphantsi kophando ngakuye.
Ube vele enkundleni kamantyi yaseMiddleburg ngoMvulo umhla weshumi elinesithathu kule kaCanzibe inyanga 2024, kwaye ugcinwe eluvalelweni ukuya kutsho ngoMvulo umhla wamashumi amabini kwakule nyanga kaCanzibe 2024 ngesicelo sebheyile esi sesikweni.
By Anita Qubula.
