Home Iindaba OWAYESAKUBA NGUMNGCINI-ZINCWADI UBANJELWE ISITYHOLO SOKURHWAPHILIZA IR1.6 YEZIGIDI ZEERANDI.

OWAYESAKUBA NGUMNGCINI-ZINCWADI UBANJELWE ISITYHOLO SOKURHWAPHILIZA IR1.6 YEZIGIDI ZEERANDI.

Uhlise ngomlenze R1.6 yezigidi zeerandi ngobuqhophololo.

Owayesakuba ngumgcini-zincwadi, uThozama Sauli, oneminyaka engamashumi amane (40) ubudala uzibone sele ebotshwe ngamahendbhoyi kulandela izityholo zokuqulunqa inkqubo yobuqhophololo yeR1.6 yezigidi zeerandi. Ubanjwe liCandelo loPhando lwaMatyala aPhambili, elaziwa njengooKhetshe. Oku kwenzeke ngomhla weshumi elinesine kuCanzibe 2024.

USauli, obefudula ebambe isikhundla sokuba ngumngcini-zincwadi kwiNkampani iZone 607 CC, ubanjwe ngoLwesibini waze wasiwa phambi kwenkundla yaseMonti kwangolo suku lunye.

Ngokwengxelo yesithethi sooKhetshe eMpuma Koloni, kaWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, uthe umlawuli weNkamapani iZone 607 CC, uWelcome Mashiyi, oneminyaka engamashumi amahlanu anesibhozo (58), ebesele ebanjiwe ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kweyoKwindla ngo2024, malunga netyala elinye waze wakhululwa ngebheyile yamawaka alishumi eerandi (R10,000) kwiintsuku ezintathu emva kokubanjwa kwakhe.

Ngokwengxelo yePhepha-Ndaba iIndependent Online, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthi kutyholwa ukuba phakathi konyaka ka-2016 no-2019, uSauli noMashiyi baye basebenzisana ngokungenisa ngabom iVAT 201 yembuyekezo yobuqhophololo kwiiNkonzo zeRhafu yoMzantsi Afrika (SARS) egameni lequmrhu loshishino.

Kwaye mva koko, uSARS uxelwe njengozenzele uhlolo lwakhe lwangaphakathi kwaye wafumana “iiflegi ezibomvu” kwiimbuyekezo ezingeniswe kulo nyaka-mali kuthethwa ngawo. Nangona kunjalo, ezinye iimbuyekezo kubikwa ukuba zaliwe kwaSARS kwaye ezinye zahlawulwa kwiqumrhu loshishino.

Lo mba waabikwa kwiSCCI yeHawks yaseMonti ukuze iphononongwe.

Uphando, olukhokelwa ziiHawks, lwadiza ukufakwa ekucingelwa ukuba kufakwe kuzo iimbuyekezo zeVAT ezibubuxoki ngumtyholwa, kucaca ukuba zijolise ekuqhatheni iNkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika (SARS). Umonakalo wezimali onokubakho ngenxa yala manyathelo kuqikelelwa ukuba ungaphaya kwe-R1.6 yezigidi.

Okunye kukuba uSARS balahlekelwe yimali engaphaya kumakhulu amabini namashumi amane anesihlanu wamawaka eerandi (R245.000) kwimbuyekezo yabo kwishishini labo.”

Sithetha nje, uSawuli ungaphandle ngebheyile, ukwamiselwe iR10,000.

Njengoko kuqhubeka inkqubo yomthetho, lo mba kulindeleke ukuba uphinde uvele enkundleni kule veki ukuze kube lula ukuphanda ngezityholo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks