Ugwetywe iminyaka ey-34 uAlfonzo Brown malunga nobuqhophololo nokwaphula umthetho woThintelwa koLwaphulo-Mthetho Olungelelanisiweyo.
INkundla yamatyala oRhwebo eGqeberha igwebe uAlfonzo Brown oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala iminyaka esixhenxe ngapha kwezisele, kwaze kwaxhonywa iminyaka emihlanu emveni kokufunyaniswa enetyala lobuqhophololo nokophula uMthetho wokuThintelwa koLwaphulo-Mthetho Olungelelanisiweyo (Prevention of Organised Crime Act).
Lo kaBrown, wayesakuba ngumqeshwa weNkampani i-CHEP SA (Pty) Ltd, ze wafunyanwa enetyala lokuqulunqa iqhinga lokuzityebisa kunye nalowo atyholwa naye onguRodney Oliver ongasekhoyo, eli qhinga waliqulunqa ngobuxoki nagokusebenzisa imali yomqeshi wabo.
UBrown no-Oliver bangenise ulwazi olungeyonyani kubaxumi, bebanga ukuba banokuthengisa “iipaliti ezilungisiweyo” ukuze bathathe indawo yeepaliti ezibalaseleyo kwiiakhawunti zabo. Basebenzisa kakubi imali evela kubaxumi abahlawulela ezipallets zilungisiweyo zingekhoyo kwaye basebenzise ngobuxoki inkqubo yekhompyuter yenkampani ukubonakalisa ukubuyiswa. Eli qhinga laa baneziphumo zelahleko ephantse ibe sisigidi esinye (R1m) seerandi kwa-CHEP SA (Pty) Ltd.
IGqwetha likaRhulumente, uWilhelm De Villiers, lithe xa lixoxa ngesigwebo esifanelekileyo lagxininisa ubunzulu bamatyala kaBrown kunye nemfuneko yokuba abantu baphendule ngezenzo zabo. UMantyi weNgingqi, uNolitha Bara, uvumile, echaza ukuba izenzo zikaBrown zibonakalise ukungawuhoyi ngokuphandle umthetho kunye nemfuneko yokuphendula.
Esamkela esi sigwebo, uMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni uBarry Madolo, uqhwabele izandla abatshutshisi, amapolisa, kunye namaqela ophando angaphakathi e-CHEP SA (Pty) Ltd ngeenzame zabo ezicokisekileyo nezingadinwayo zokuzisa eli tyala enkundleni. Eli tyala lisebenza njengesikhumbuzo esicacileyo seziphumo zokuxhaphaza abaqeshi kunye nokubaluleka kokunyaniseka nokuthotyelwa komthetho.
Ulwaphulo-mthetho olumandundu kwezorhwebo lubeka emngciphekweni uzinzo lwezoqoqosho lwelizwe kungoko i-NPA iza kusebenzisa zonke izibonelelo zayo ukuze iqinisekise ukuba bathatha inyathelo elibukhali ekubatshutshiseni.