By Asemahle Mbete.
INkundla yengingqi yaseGqeberha igwebe uLusanda Gloria Qose, oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala, iminyaka emihlanu (5) ethothoza entolongweni ngobuqhetseba obubandakanya ukungena ngokungekho mthethweni kunye nokuqhatha ingxelo yebhanki yomthengi.
UQose, owayesakuba ngumcebisi wezentengiso kunye nenkonzo iFirst National Bank (FNB), ePier 14 kwisebe laseGqeberha, ugwetyelwe ubuqhophololo kwi-intanethi, nokusetyenziswa ngokungekho mthethweni kweenkcukacha zokufikelela emva kokusetyenziswa kakubi kweenkqubo zebhanki zangaphakathi phakathi komhla wamashumi amabini anesibini (22) kweyoMqungu nomhla wamashumi amabini anesine (24) kuTshazimpuzi ka-2024.
UMmangali, uMlungwana Maranti, oneminyaka engamashumi amathandathu anesibhozo (68), ubambe i-akhawunti yeEncore edityaniswe ne-akhawunti ye-Money Maximiser kunye nenombolo yeselula ebhalisiweyo esetyenziselwa ukugunyazisa iintengiselwano nge-InContact system yakwaFNB. UQose uye watshintsha ngokungekho mthethweni inombolo yakhe yeselula ekwinkqubo yebhanki esebenzisa iziqinisekiso zomqeshwa wakhe, wajika kuye zonke izigunyaziso ze-One-Time-Pin (OTP) ngaphandle kolwazi okanye imvume yommangali.
Uye waphinda wenza ikhadi lebhanki lesibini elidityaniswe kwiiakhawunti zommangali, athe walisebenzisa ukudlulisela imali kwiakhawunti yeMoney Maximiser ukuya kwiakhawunti yeEncore aze akhuphe kwiATM ezininzi kwiinyanga ezintathu. Ezi ntengiselwano zobuqhophololo zibangele ilahleko ye-R245,000. Ibhanki ekugqibeleni yabuyisela imali kummangali.
U-Qose wasebenzisa inombolo yomqeshwa wakhe ukufikelela kwinkqubo engundoqo yeFNB, equlethe ulwazi oluyimfihlo lwabathengi kunye nentengiselwano. Udlule kwiinkqubo zokhuseleko zangaphakathi ezifana nokuQinisekiswa kwezinto eziMbini (2 Factor Authentication) kunye nokuqinisekiswa kweminwe kwi-intanethi (OFV) kwaye wasebenzisa iirekhodi zedijithali ukudala ingcamango yobuxoki yokuba uMaranti ugunyazise ukuthengiselana.
Inkundla yafumanisa ukuba izenzo zikaQose zazicwangciswe kwangaphambili kwaye ziphucukile, ezibandakanya ukophulwa kwenkqubo ezininzi kwixesha elide. Wavuma zonke izityholo, echaza ingxaki yemali njengesizathu sakhe. Ngexesha lokugweba, yena nomakazi wakhe banike ubungqina bokunciphisa, besithi ungumama ongatshatanga wabantwana ababini abancinci, abaneminyaka elishumi elinesithathu (13) ubuncinci kunye neshumi elinesixhenxe (17).
Ukususela ngoko uye wahlawula i-R87,000 yeerandi ngokuthaphula kwingxowa-mali yakhe yomhlala-phantsi kwaye wavakalisa ukuzisola ngesenzo sakhe.
Kwingxelo yempembelelo yexhoba eququzelelwa liGosa loLungiselelo lweNkundla (CPO) u-Eric Blouw, umnumzana Maranti uchaze ngokweemvakalelo ulwaphulo-mthetho olwenzekileyo kuye, echaza ngomothuko wokubukela imali awayeyigcinele umhlala-phantsi itshabalala kwaye watyhila ukuba ucinge ngokuzibulala. Inkundla ive ukuba uQose wayesazi kakuhle ukuba imali awayeyibile yayibekelwe umhlala-phantsi wommangali.
Umtshutshisi weCandelo loLwaphulo-mthetho oluKhethekileyo (SCCU) uEdmyrach Matabata uthe, nangona uQose yayilityala lokuqala eli, ukuxhaphaza kwakhe ukuthenjwa nokuxhaphaza umntu omdala osemngciphekweni kufuneke agwetywe.
Inkundla yavuma, igxininisa ukuba nangona umtyholwa ebonise ukuzisola kunye nokukwazi ukubuyela kwimeko yesiqhelo, ityala alizange lonzakalise ixhoba kuphela kodwa laphelisa ukuthembela koluntu kwinkqubo yezemali.
Esamkela isigwebo, uMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, u-Advocate Barry Madolo, uthe:
“Esi sigwebo sigxininisa ukuzinikela kweNPA ekukhuseleni isidima seCandelo lezeMali kunye namalungelo amaxhoba asemngciphekweni kwabo baxhaphaza ukufikelela kulwazi olubuthathaka kunye nokubonelela ngobulungisa kumaxhoba olwaphulo-mthetho oluntsonkothileyo lwemali kunye ne-Cybercrime.

