Home Iindaba Sidutyulwe sabhubha isibini esithandanayo esele seluphele ekhayeni laso.

Sidutyulwe sabhubha isibini esithandanayo esele seluphele ekhayeni laso.

Isithethi samapolisa uWarrant Officer Majola Nkohli ungqinile ukuba baphanda amatyala amabini okubulala emva kokuba isibini esi sesikhulile, esineminyaka engamashumi amathandathu anesine (64) namashumi asixhenxe anesithandathu (76) ubudala, sidutyulwe sabhubha sikwikhaya laso eNdakeni eFlagstaff, ngoLwesine, umhla wesibini kuCanzibe.

UNkohli uthe amagama amaxhoba asankonyiwe. Uthe iinkcukacha ezikwiingxelo zamapolisa zibonisa ukuba indoda engaziwayo, nebixhobe ngompu, ingene ekhayeni labo yadubula.

“Le mizimba mibini ibhengezwe njengebhubhele kwindawo yexhwayelo. ”

Kusenjalo, amapolisa abambe indoda eneminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala ngokufunyanwa nemipu nembumbulu ezingekho semthethweni, kwaye abecuphi baphanda ukuba lendoda iyabandakanyeka kusini na kwesi siganeko sokubulala, uthethe watsho uNkohli.

Wongeze ngelithi umrhanelwa ulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseFlagstaff ngezityholo zokuba nemipu neembumbulu ngaphandle kwephepha-mvume, kunye namanye amatyala ongezelelweyo kwixesha elizayo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks