Home Iindaba Sikhatyiwe isibheno sokukhululwa kuka mfundisi oMotoso

    Sikhatyiwe isibheno sokukhululwa kuka mfundisi oMotoso

    By Sophumelela Singqota

    Inkundla ephakamileyo yaseGqeberha isikhabile isicelo seNPA sokubhena kukukhululwa komfundisi uTimothy Omotoso, nto leyo ezisa omnye umqobo kutshutshiso.

    UJaji u-Irma Schoeman ugwebe ngelithi umbuso usilele ukunika nasiphi na isizathu esinyanzelisayo sokwenza isibheno kwaye waphinda wagxininisa ukuba abatshutshisi abakhange baqinisekise ityala labo ngaphandle kwamathandabuzo afanelekileyo.

    Esi sigqibo sigxekiwe, sendlela i-NPA eyalisingatha ngayo ityala elide neliyimpikiswano, eliye lawa ebutsheni balo nyaka emva kokuba inkundla ifumene ukusilela kobugqina kunye nokuziphatha ngokubanzi kwelityala.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks