Sinqunyanyisiwe isithethi sikaMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni.
UVuyiseka Mboxela unqunyanyisiwe namhlanje kulandela ushicilelo lwevidiyo yakhe kwingxabano eshushu nogxa wakhe apho kusetyenziswe intetho erhabaxa nengamkelekanga ngokuchasene nomsebenzi.
Lomba uye wanyika kakhulu de wayokufikelela esidlangalaleni, de kwavulwa ityala kunye neCandelo loBudlelwane bezabasebenzi ngakuye (uMboxela). Sithetha nje uphando sele luqalisiwe ngalo mba ukanti zombini iOfisi kaMphathiswa, kunye neNtloko yeSebe eliBambeleyo uGqirha Soyisile Nuku basigxekile esi senzo njengelishwa nelingamkelekanga emsebenzini.
Ngaphaya koko, intlanganiso kunye nabasebenzi abachaphazelekayo iye yalungiselelwa kwaye kuya kunikezelwa uxolo olusemthethweni kubo.
Lo mba uye wadluliselwa kwiCandelo lezeMpilo yaBasebenzi ukuqinisekisa ukuba bonke aba basebenzi bayalulekwa ukuze balungele umsebenzi.
Isebe lithi alikunyamezeli tuu ukuziphatha ngendlela engafanelekanga emsebenzini obunobundlavini, impatho engafanelekanga equka ubuhlanga njengoko oku kuphazamisa kakubi ukusebenza kwenkqubo, kungoko kusebenze iCandelo loLawulo loBudlelwane bezaBasebenzi.
Oku kwenzelwa ukuqinisekisa ubulungisa, ukugcinwa kwentlonipho phakathi kwabasebenzi njengoko kuchaziwe kwimithetho-siseko yeBatho Pele.
Isebe lithumela uxolo olungazenzisiyo kubemi beli phondo nakwilizwe ngokubanzi.