Kulindeleke ukuba kuvulwe ngokusesikweni isikolo samabanga aphakamileyo iCaguba cebukuhle eSajonisi kweliphondo leMpuma Koloni.
Lomsitho uzokuthathi nxaxheba ngoMvulo umhla wesibhozo (-8) kuTshazimpuzi (April) kumasango esisikolo sitsha kraca, nesele sigqityiwe ukwakhiwa. Ukanti umphathiswa wesebe lezemfundo eMpuma Koloni uFundile Gade uzakuba yinxalenye yabanikezeli, ekwakhweba uluntu ngokubanzi ukuzozimasa oluphuhliso. Esithi ukubandakanyeka kwabo kulombhiyozo iyakube lonto ibonakalisa umdlandla kwikamva labantwana babo nakwicandelo lezemfundo kuledolophu nakwiphondo liphela.
Kwingxelo yeSebe ikubeke kwacaca ukubaluleka kwalomsitho weliziko-mfundo elikumgangatho ophezulu nelithi liyakubonelela ngeqoqo eliphezulu lemfundo kulutsha lwaseCaguba kunye nakwiindawo ezingqongileyo zaseSajonisi. Ukanti esikolo sixhotyiswe ngobuxhaka-xhaka balemihla, izibonelelo zokuxhasa izifundo kunye nophuhliso lomfundi ngamnye.