By Nyameka Lamani.
Avele kwiNkundla kaMantyi yaseGqeberha amadoda amathandathu (6) ngezityholo zokuxhwila, ukurhweba ngabantu, ubuqhetseba, ukuba nemipu nembumbulu ngokungekho mthethweni kunye nokuba nesixhobo sokuthintela unxibelelwano esingavumelekanga.
Abamangalelwa nguMthetho Ntleko oneminyaka engamashumi amane anesithandathu (46), uMzameni Matyunza onamashumi amahlanu ananye (51), uMalibongwe Dayile onamashumi amathathu anesithathu (33), uNyaniso Sabundla oneminyaka engamashumi amahlanu ananye (51), uAviwe Twatwa oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) kunye noTamsanqa Matlabe oneminyaka engamashumi amabini anesine (24).
Kutyholwa ukuba benze ngeenjongo ezifanayo ukuhlutha inkululeko kaTracey Catherine Fourie oneminyaka engamashumi amathandathu anesibini (62) ubudala ngokungekho mthethweni. Kutyholwa ukuba ngomhla wamashumi amabini (20) kweyeThupha 2025, uFourie waxhwilwa kwindawo yokuhlala abafundi eSydenham. Wathathwa ngenkani wahanjiswa ngemoto esuka eKariega wasiwa kwindawo engaziwayo, apho wayevalelwe kwigumbi elivaliweyo. Wakhululwa ngamashumi amabini anesihlanu (25) kweyeThupha 2025, emva kokuba iqabane lakhe lihlawule amakhulu amabini amawaka (R200 000), nangona abatyholwa ekuqaleni babefune izigidi ezihlanu.
Ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyeThupha 2025, amagosa omthetho eNewton Park, eGqeberha, afumana isixhobo sokuthintela umqondiso wamaqela amaninzi (iJammer) komnye wabamangalelwa. Esi sixhobo, esikwaziyo ukuphazamisa unxibelelwano lukanomathotholo, asivumelekanga phantsi kwemithetho yothungelwano loMzantsi Afrika.
Uphando olongezelelweyo eMotherwell kwangolo suku lukhokelele ekufumaneni kwakhona umpu wohlobo lwe-38 Special Revolver kunye nebhokisi yamakhatriji. Akukho namnye kubatyholwa owayenamaphepha-mvume asemthethweni okanye izigunyaziso zokuba nale mipu okanye iimbumbulu, ngokuchaseneyo noMthetho woLawulo lweMipu.
Imvelaphi yabamangalelwa, uDayile wagwetywa ngokudlwengula iminyaka esixhenxe (7) entolongweni ngo 2016, uSabundla wagwetywa ngokuphanga iminyaka engamashumi amabini anambini (22) ngo 1991, uTwatwa unetyala elilindiweyo phambi kwenkundla kamantyi yaseKariega ngokuba nezinto ekurhanelwa ukuba zibiwe, kanti ke uNtleko, uMatyunza noMatlabe abanawo awaphambili okanye asalindelelekileyo amatyala.
Amatyala wabo ahlehliselwe umhla wesine (04) kweyoMsintsi 2025 kwinkundla kamantyi yaseGqeberha ukuze bafake isicelo sebheyile ngokusesikweni. Lo mcimbi uphantsi kweShedyuli yesithandathu (6), kwaye iNPA iya kusichasa isicelo sabo sebheyile.
I-NPA ihleli izibophelele ekukhuseleni amaxhoba olwaphulo-mthetho olunobundlobongela nolulungelelanisiweyo, kunye nokuqinisekisa ubulungisa ngokusebenzisa umthetho ongqongqo nongenamkhethe.
