USibusiso Mahlangu ona33 yeminyaka kunye noLerato Mahlangu ona32 bebevele kwinkundla kamantyi eSoshanguve namhlanje, esi sibini esitshatileyo sijongene netyala lokubulala nelokuxaba endleleni yobulungisa.
Kutyholwa uba ngomhla wesibini kwinyanga kaJanuary kunyaka ka2022 esi sibini sabulala indoda ze satshisa umzimba walendoda kwindlu yaso kwaBlock HH eSoshanguve. Emva koko kuvakala uba uLerato Mahlangu noyinkosikazi kaSibusiso Mahlangu wenza icertificate somgunyathi kwisebe lezekhaya esichaza ngokubhubha komyeni wakhe uSibusiso kumlilo ubusendlini yabo ze wafumana izikhuntyu zemali kwiInsurances.
Emva kophando oluthe lwaqhubeka esibini siye sabanjwa ngomhla we20 April 2023. uSibusiso nongumyeni walo wasetyhini ufunyenwe kwidolophu yaseHammanskraal nalapho kuvele uba ubhaliswe njengomntu owabhubhayo.
Kulindeleke uba bavele kwakaho enkundleni eHammanskraal ngomhla we29 kaMay ze bavele kwakho ngomhla we18 May malunga netyala lokubulala nalapho kulindeleke uba bafake isicelo seBail.