Imeko imaxongo eMthatha njengoko zininzi iindlela ezingena ziphuma eMthatha zisavaliwe ukusukela ngentseni.
Sithetha nje indlela enkulu engu N2 kunye no R61 zivaliwe. Abaqhubi beemoto bacetyiswa ukuba basebenzise ezinye iindlela kwaye baziphephe ezi ndlela.
Abarhanelwa abahlanu babanjwe malunga nentsimbi yethoba kusasa ngale ntsasa emva kokudutyulwa kwamapolisa ePublic Order Policing and Mthatha Vispol. Abarhanelwa ababini bonzakele ngelixa abanye abathathu bebanjiwe, ze kwathathwa nemipu emibini. Ityala lokuzama ukubulala nokuba nemipu livuliwe ukuze kuphandwe.
Amapolisa ajongene nocwangco, iNational Intervention Unit kunye namaTactical Response Teams aseMthatha ejongene nale meko.
Umkomishinala wephondo uNjengele Nomthetheleli Mene ulumkisa abo basasaza iividiyo nemiyalezo ebonakala ngathi ixhokonxa uqhushululu. ‘Izenzo ezinjalo azikho nje ukungakhathali kodwa zikwangekho mthethweni. Siza kuthatha amanyathelo angqongqo kuye nabani na ofunyenwe esenza izinto ezisongela ukhuseleko loluntu kunye nokuthembeka kwenkqubo yonyulo, ‘wongeze watsho uNjengele Mene.
