
INkundla yamaTyala i-Judicial Conduct Tribunal ephanda ngezityholo zesinyanzeliso ngokwesondo ngakuMongameli weJaji yaseMpuma Kapa, uSelby Mbenenge, ive ngendlela atyholwa ngayo ukuba wenza iingcebiso ngokwesondo kubasebenzi abakwinqanaba elisezantsi kweli candelo.
Unobhala wenkundla ephakamileyo u-Andiswa Mengo ungqinile ukuba ijaji enkulu yeenza intetho ibhekisa kumalungu akhe angasese ngethuba bencokola kuWhatsApp.
Igqiza linikwe uxanduva lokuphanda ngezityholo zikaMengo emva kokuba efake isikhalazo ngokuchasene negqwetha ngo-2023 etyhola ngelithi uMbenenge wenza iintshukumo ngokwesondo ezingamkelekanga ngakuye phakathi kuka-2021 no-2022.
NgeyeKhala ka-2021, uMengo kutyholwa ukuba wabuza umongameli wejaji isizathu sokuba acime imiyalezo emva kokuba ecime uthotho lwemibhalo awayeyithumele kummangali.
Umgwebi kuthiwa wathi kukuthintela imeko apho umntwana anokubona iitekisi.
Umyalezo ufundeka, “Umntwana wakho uya kuba nexhala kukufunda ukuba wakhe wadibana nento enkulu.”
Ebuzwa ukuba uqonde ntoni na ngalomyalezo, uMengo esebenzisa itoliki entsha, wenze oku kulandelayo.
“Ndandiqonda ukuba ngoku ubhekisa kwilungu lakhe lobufazi.”
UMengo uthi wakhwuleza ngequbuliso wabhala u”goodnight” kwijaji ephezulu ngeenzame zokunqanda incoko, kodwa uthi khange ayeke.
UMengo ungqinile ukuba uMbenenge wacela ukuba amthumelele iifoto zamalungu akhe angasese.
Oku kuthiwa kwenzeke ngoJulayi ka-2021 xa esi sibini sasinxibelelana kumakhasi onxibelelwano nakuWhatsApp.
Kuthiwa uMengo uxelele ijaji ukuba uzimisele ukulala ngobo busuku ngelizama ukuphepha ukuphinda ancokole ngesondo nomphathi wakhe.
UMbenenge kutyholwa ukuba wacela uMenge ukuba athumele iifoto zakhe ezingamanyala.
Inkokeli yobungqina, uAdv Salome Scheepers ufunde umyalezo ophuma kwijaji yaseMpuma Kapa:
“Ke umphenduli ukuthumelele umyalezo othi ndicela uthumele umfanekiso omnandi phambi kokuba ulale. Uqonde ntoni ngaloo nto?”
Encediswa yitoliki, uMengo wadlulisela oko wayekuqonda ngomyalezo.
“Ndaqonda ukuba ucela ukuba ndimthumelele ifoto eza kumanelisa. Loo mfanekiso ke ngumfanekiso welungu lam langasese. “