Home Iindaba U-Eskom ubhengeze ukuba ukucinywa kombane kusazakunqunyanyiswa de kube ngoLwesibini.

    U-Eskom ubhengeze ukuba ukucinywa kombane kusazakunqunyanyiswa de kube ngoLwesibini.

    Iqumrhu eliphehla umbane kweli U-Eskom ubhengeze ukuba ukucinywa kombane kusazakunqunyanyiswa de kube ngoLwesibini. Oku kubangelwe kukuphuculwa kokusebenza kwamandla okuqhubekayo kunye noovimba bexesha likaxakeka abathe babuyiselwa ngokupheleleyo.

    Inqanaba loku-1 lokucinywa kombane liya kuphunyezwa ngoLwesibini ukusuka ngentsimbi yesine ukuya kweyesi-5 kusasa ngoLwesithathu.

    Emva koko inqanaba loku-1 lokucinywa kwamandla liya kuqhubeka ukusuka ngentsimbi yesine ukuya kweyesi-5 kusasa ngoLwesine.

    Isithethi sikaEskom uDaphne Mokoena uthi le pateni izakuphinda-phindwa yonke imihla de kuphume esinye isaziso.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks